Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 13:22-35

ULUKA 13:22-35 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem. Ke kaloku wathi othile kuye, Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo? Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe. Xa selethe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nokunkqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, nkosi, sivulele: úya kuza aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona. Niya kwandula niqale ukuthi, Sadla, sasela, emehlweni akho; nawe wafundisa ezitratweni zethu. Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basébenzi bokungalungileyo. Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle. Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo. Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela. Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha; ngokuba uHerode ufuna ukukubulala. Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze. Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhla nangomso nangolandelayo; ngokuba akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem. Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ízé. Inene, ndithi ke kuni. Aniyi kuba sandibona, kude kufike ixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

ULUKA 13:22-35 IBHAYIBHILE (XHO96)

UYesu wacanda kwiidolophu needolophana, ehamba efundisa, esinga eJerusalem. Umntu othile wathi kuye: “Nkosi, bambalwa na abo basindiswayo?” UYesu ke wathi kubo: “Zamani ukungena ngesango elimxinwa. Ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bangabi nako. “Xa selethe waphakama umninindlu, wavala emnyango, nothi nina, nime ngaphandle, ninkqonkqoze emnyango, nisithi: ‘Nkosi, sivulele.’ Wophendula ke umninindlu, athi kuni: ‘Andinazi apho nivela khona.’ Ke ngoko nina nothi: ‘Kaloku sikhe satya, sasela, ukho nawe; nawe wafundisa ezitalatweni zethu.’ Kodwa yena wothi: ‘Inene, andinazi apho nivela khona. Mkani kum, nina nonke benzi bobubi.’ Khona apho niya kulila ningcungcutheke, xa nibona uAbraham noIsake noYakobi nabo bonke abashumayeli bamandulo bexhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo, nibe nina nikhutshelwe ngaphandle. Abantu bofika bevela empumalanga nasentshonalanga, bevela ngasentla nangasezantsi, babuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. Niyabona ke, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, bekho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.” Kwangelo xesha kwafika abaFarasi abathile, bathi kuYesu: “Phuma umke apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.” Wathi kubo: “Yiyani nithi kuloo mpungutye: ‘Uyabona, ndikhupha iindimoni, ndiphilise, namhlanje nangomso, ndithi ngowesithathu umhla ndigqibe.’ Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangomsomnye, kuba umshumayeli akangekhe abulawe kwenye indawo ngaphandle kwaseJerusalem. “Jerusalem, Jerusalem, wena ubabulalayo abashumayeli, ubakhande ngamatye abo bathunywa kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza wena awavuma. Niyabona, uThixo uyanifulathela nomzi wenu. Inene, aniyi kuba sandibona de kufike ixesha eniya kuthi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’ ”

ULUKA 13:22-35 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem. Uthi ke omnye kuye, Nkosi, bambalwa na abasindiswayo? Wathi kubo. Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe. Xa athe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nankqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele; Aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona; Noqala nithi, Sadla, sasela, phambi kwakho, wafundisa nasezitratweni zethu. Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga. Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle. Baya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo. Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela. Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha, ngokuba uHerode ufuna ukukubulala. Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze. Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangolandelayo, ngokuba akangekhe umprofeti atshabalale ngaphandle kweYerusalem. Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! kufuthi kangakanani na ndithande ukubahlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona, kude kube lixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

ULUKA 13:22-35 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

WAZA wacanda kwizixeko ngezixeko nakwimizi ngemizi efundisa, esenza ihambo yake ngase‐Yerusaleme. Wayesiti omnye kuye: Nkosi! bancinane abasindiswayo kusinina? Wayesiti yena kubo: Zamelani ukungena ngesango elixineneyo; ngokuba ndisiti kuni, abaninzi baya kufuna ukungena, bakohlwe ke. Emvenikweni asel’ esukile umninindlu, wavala ucango, naza naqala ukuma ngapandle nokuqongqota elucangweni, nisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele! waeya kuba ependule wati kuni: Andinazi apo nivela kona: niya kwandula niqala ukuti: Sadla sasela ebusweni bako, nawe wafundisa ezitarateni zetu. Waeya kuti: Nditi kuni, andinazi apo nivela kona; mkani kum, nonke nina benzi benkohlakalo! Apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo okuya niya kubona u‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi, nabo bonke abaprofite, ebukumkanini BUKATIXO, nina kodwa nilahlelwa pandle. Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasenode nasesuyide, bahlale pantsi ebukumkanini BUKATIXO. Kanjalo bona ke, bako abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bako nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela. Ngayo yona imini leyo kweza abafarisi abatile, besiti kuye: Puma umke apa; ngokuba u‐Herodi efuna ukukubulala. Waza wati kubo: Hambani niye nitsho kwimpungutye leyo ukuti: Bona ke, ndiyaziku̔pa idemoni, ndizenze nempiliso, namhla nangomso, nditi ngomhla wesitatu ndifezeke. Kodwa ndifanele ukuti namhla, nangomso, nangomso mnye, ndihambe; ngokuba kungebe njalo ukuba umprofite abubele ngapandle kwe‐Yerusaleme. Yerusaleme, Yerusaleme, ebabulalayo abaprofite, ebagibisela ngamatye abo batunyiweyo kuyo! kufuti kangakananina ebendifuna ukulubutela ndawonye usapo lwako, njengokuba inkukukazi iwabutela ndawonye amatole ayo ngapantsi kwamapiko, anavuma ke! Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele. Kanjalo ngokwenene nditi kuni: Anisayi kundibona, kude kufike ixesha eniya kuti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA.