WAZA wacanda kwizixeko ngezixeko nakwimizi ngemizi efundisa, esenza ihambo yake ngase‐Yerusaleme.
Wayesiti omnye kuye: Nkosi! bancinane abasindiswayo kusinina? Wayesiti yena kubo: Zamelani ukungena ngesango elixineneyo; ngokuba ndisiti kuni, abaninzi baya kufuna ukungena, bakohlwe ke. Emvenikweni asel’ esukile umninindlu, wavala ucango, naza naqala ukuma ngapandle nokuqongqota elucangweni, nisiti: Nkosi, Nkosi, sivulele! waeya kuba ependule wati kuni: Andinazi apo nivela kona: niya kwandula niqala ukuti: Sadla sasela ebusweni bako, nawe wafundisa ezitarateni zetu. Waeya kuti: Nditi kuni, andinazi apo nivela kona; mkani kum, nonke nina benzi benkohlakalo! Apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo okuya niya kubona u‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi, nabo bonke abaprofite, ebukumkanini BUKATIXO, nina kodwa nilahlelwa pandle. Babeya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasenode nasesuyide, bahlale pantsi ebukumkanini BUKATIXO. Kanjalo bona ke, bako abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bako nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.
Ngayo yona imini leyo kweza abafarisi abatile, besiti kuye: Puma umke apa; ngokuba u‐Herodi efuna ukukubulala. Waza wati kubo: Hambani niye nitsho kwimpungutye leyo ukuti: Bona ke, ndiyaziku̔pa idemoni, ndizenze nempiliso, namhla nangomso, nditi ngomhla wesitatu ndifezeke. Kodwa ndifanele ukuti namhla, nangomso, nangomso mnye, ndihambe; ngokuba kungebe njalo ukuba umprofite abubele ngapandle kwe‐Yerusaleme. Yerusaleme, Yerusaleme, ebabulalayo abaprofite, ebagibisela ngamatye abo batunyiweyo kuyo! kufuti kangakananina ebendifuna ukulubutela ndawonye usapo lwako, njengokuba inkukukazi iwabutela ndawonye amatole ayo ngapantsi kwamapiko, anavuma ke! Bona ke, niyashiyelwa indlu yenu ici̔takele. Kanjalo ngokwenene nditi kuni: Anisayi kundibona, kude kufike ixesha eniya kuti: Makatanyusanqeliswe ozayo egameni LIKAYEHOVA.