Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 13:22-35

uLuka 13:22-35 CXB24

Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem. Uthi ke omnye kuye, Nkosi, bambalwa na abasindiswayo? Wathi kubo. Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe. Xa athe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nankqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele; Aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona; Noqala nithi, Sadla, sasela, phambi kwakho, wafundisa nasezitratweni zethu. Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga. Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle. Baya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo. Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela. Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha, ngokuba uHerode ufuna ukukubulala. Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze. Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangolandelayo, ngokuba akangekhe umprofeti atshabalale ngaphandle kweYerusalem. Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! kufuthi kangakanani na ndithande ukubahlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona, kude kube lixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.