Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 12:1-34

ULUKA 12:1-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Phakathi koko, kuthe akubon' ukuba ahlanganisene ndawonye amawakawaka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso. Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa. Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu. Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. Ndiya kunibonisa ke énomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo. Àbathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo. Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo. Nomntu wonke oya kuthetha ilizwi elibi ngoNyana woMntu, woxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa. Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningáziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningáthethani na. Kuba uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa ngalo elo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona. Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa. Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu? Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe. Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo; ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Únjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo. Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha. Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka! Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongèze ebukhulwini bakhe ikubhite• ibe nye? Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye? Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi. Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane? Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu; kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

ULUKA 12:1-34 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa. Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa. Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.” “Ndithi kuni, zihlobo zam, musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi banokuyenza. Nanku emanimoyike: yoyikani uThixo, yena lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, moyikeni yena. “Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.” “Ke ndithi kuni, wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, wothi kwanaye *uNyana woLuntu amvume phambi kwezithunywa zikaThixo. Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo. “Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa. “Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na; kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.” Omnye esihlweleni wathi kuYesu: “Mfundisi, yitsho kumntakwethu sahlulelane ngelifa.” Ke yena wathi kuye: “Mntundini, ndibekwe ngubani na ukuba ndibe ngumgwebi nomahluli phakathi kwenu?” Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.” Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’ Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam; ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’ Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’ Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.” Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo. Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka! Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe? Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye? Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane! Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na! Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele. Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.” “Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha. Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu. Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”

ULUKA 12:1-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Kuthe ngoko, akubon’ ukuba ahlanganisene ndawonye amawaka-waka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso. Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, ayiyi kwaziwa. Ngoko ke konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nokuthethe endlebeni emagumbini, kumenyezwe phezu kwezindlu. Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. Ndiya kunibonisa ke enomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo. Abathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo? Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo. Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa. Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwirhuluneli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningaziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningathethani na. uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa kwangelo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona. Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa. Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu? Wathi kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe. Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke iziqhamo zam, nempahla yam; ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, udle, sela, yiba nemihlali. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? Unjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo. Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha. Qwalaselani amahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka? Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye? Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ke ndithi kuni, uSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi. Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa; wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane? Nize ningafuni ukuba ningadla ntoni na, nisele ntoni na; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. Funani ke ubukumkani bukaThixo; zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. Thengisani ngeempahla zenu, niphe amalizo; zilungiseleni iingxowa ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisi nanundu; kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.

ULUKA 12:1-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

PAKATI kwezozinto, nxa abebutelene ndawonye amawakawaka abantu, bada banyatelana, waqala ukuti kubadisipile bake tanci: Lumkelani igwele labafarisi, elibuhanahaniso. Akuko nto eselelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa. Ngenxa yoku, konke enikutshiloyo ebumnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; noko nikutetileyo endlebeni ezinkambilini, kuya kushunyayelwa pezu kwentungo zezindlu. Nditi ke kuni zihlobo zam: Ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti emveni kwoko abananto enkulu ngakumbi abangayenzayo. Kodwa ndonibonisa ukuba niya kwoyika banina: yoyikani lowo unegunya lokuba ati emveni kwokubulala apose esihogweni somlilo; ewe, nditi kuni, yoyikani yena lo. Akutengiswa amahobohobo mahlanu ngedobulitye mbini na? noko akuko nalinye kuwo lilityelwe ebusweni BUKATIXO. Koko kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi. Nditi kuni kanjako: Osukuba endivuma mna pambi kwabantu, naye unyana wesintu uya kumvuma yena pambi kwengelosi ZIKATIXO: kodwa ondikanyeleyo ebusweni babantu, uya kukanyelwa ebusweni bengelosi ZIKATIXO. Nosukuba eya kuteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa ogxekayo UMOYA OYINGCWELE, akayi kuxolelwa. Naxeshekweni banizisayo ezindlwini zentlanganiso, napambi kwabanobukosi nabanegunya, ningabi nasitukutezi sokuba niya kuzipendulela ngokunjanina umhlaumbi nopendula nto nina, umhlaumbi sokuba niya kuteta nto nina: ngokuba UMOYA OYINGCWELE eya kunifundisa kwelona ixeshana, izinto enifanele ukuziteta. Waza omnye wasesihlweleni wati kuye: Mfundisi! Teta kumkuluwe wam ukuba abelane nam ilifa. Kodwa wati kuye: Mntundini! ngubanina owandimisa umgwebi nomabi pezu kwenu? Wayesiti kubo: Lumkani nilumkele ububawa; ngokuba ebuninzini bomntu ubomi bake bungemi ngento anazo. Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Umhlaba wesityebi esitile wacu̔ma kakulu: saza sacamanga pakati kwaso, sisiti: Ndiya kwenza nto nina, ndingenandawo nje apo ndiya kuzihlanganisela kona iziqa̔mo zam? Saye sisiti: Lento ndiya kuyenza: ndiya kuci̔ta inyango zam, ndake ezinkulu kuzo, ndize ndizihlanganisele kona zonke izilimo zam nempahla zam; ndandiya kuti kumpefumlo wam: Mpefumlo! unempahla ezininzi zibekelwa iminyaka emininzi; yiti upumle, udle, usele, ugcobe. Kodwa UTIXO wati kuye: Sidenge! kwa ngobubusuku kuyabizwa umpefumlo wako kuwe; ezonto uziqwebileyo kanti, zoba zezikabanina? Unjalo lowo uzibekelayo indyebo, engenabutyebi NGAKUTIXO. Waza wati kubadisipile bake: Ngako oku nditi kuni: Musani ukutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina; ningatukutezeleli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina: ubomi bukulu kuko ukutya, nomzimba umkulu kuzo izivato. Gqalani onomyai, okokuba abahlwayeli, abavuni nokuvuna, ekungeko kubo iqonga nasisele, kanti UTIXO uyabondla noko: kekaloku nina nizigqitisele intaka kakulu kangakananina? Nguwupina ke kuni ongati ngokutukutezela ongezelele ebudeni bake ikubite ibe nye? Ukuba ngoko nikohlwa kukwenza into encinane kuzo zonke, yinina ukuba ninesitukutezi ngezinye? Gqalani inyibiba, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako: kanti nditi kuni, kwa u‐Solomone kubo bonke ubungcwalisa bake akavatiswanga njengenye yezi. Ukuba ke inca, eti namhla ibeko ezindle, iti ngomso iposwe eziko, UTIXO uyenje njalo ukuyivatisa, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuvatisa nina, nina balukolo luncinane? Nize ningafuni nina ukuba notya nto nina, umhlaumbi ukuba nosela nto nina; niti kanjalo ningabi namatindala: ngokuba zonke ezizinto intlanga zelizwe zizifuna; kanjako UYIHLO uyazi ukuba niziswele ezizinto. Kodwa funani ubukumkani BUKATIXO, zaziya kuti zonke ezizinto zongezelelwe kuni. Ungoyiki, mhlambi omncinane! ngokuba UYIHLO etanda ukupa nina ubukumkani. Tengisani ngento eninazo, nipe amalizo: zenzeleni izidla ezingabi zindala, indyebo engenakupela ezulwini, apo isela lingasondeli nenundu lingadli kona: ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu.