Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Ivangeli ka‐Luke 12:1-34

Ivangeli ka‐Luke 12:1-34 XHO1902A

PAKATI kwezozinto, nxa abebutelene ndawonye amawakawaka abantu, bada banyatelana, waqala ukuti kubadisipile bake tanci: Lumkelani igwele labafarisi, elibuhanahaniso. Akuko nto eselelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa. Ngenxa yoku, konke enikutshiloyo ebumnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; noko nikutetileyo endlebeni ezinkambilini, kuya kushunyayelwa pezu kwentungo zezindlu. Nditi ke kuni zihlobo zam: Ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti emveni kwoko abananto enkulu ngakumbi abangayenzayo. Kodwa ndonibonisa ukuba niya kwoyika banina: yoyikani lowo unegunya lokuba ati emveni kwokubulala apose esihogweni somlilo; ewe, nditi kuni, yoyikani yena lo. Akutengiswa amahobohobo mahlanu ngedobulitye mbini na? noko akuko nalinye kuwo lilityelwe ebusweni BUKATIXO. Koko kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi. Nditi kuni kanjako: Osukuba endivuma mna pambi kwabantu, naye unyana wesintu uya kumvuma yena pambi kwengelosi ZIKATIXO: kodwa ondikanyeleyo ebusweni babantu, uya kukanyelwa ebusweni bengelosi ZIKATIXO. Nosukuba eya kuteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa ogxekayo UMOYA OYINGCWELE, akayi kuxolelwa. Naxeshekweni banizisayo ezindlwini zentlanganiso, napambi kwabanobukosi nabanegunya, ningabi nasitukutezi sokuba niya kuzipendulela ngokunjanina umhlaumbi nopendula nto nina, umhlaumbi sokuba niya kuteta nto nina: ngokuba UMOYA OYINGCWELE eya kunifundisa kwelona ixeshana, izinto enifanele ukuziteta. Waza omnye wasesihlweleni wati kuye: Mfundisi! Teta kumkuluwe wam ukuba abelane nam ilifa. Kodwa wati kuye: Mntundini! ngubanina owandimisa umgwebi nomabi pezu kwenu? Wayesiti kubo: Lumkani nilumkele ububawa; ngokuba ebuninzini bomntu ubomi bake bungemi ngento anazo. Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Umhlaba wesityebi esitile wacu̔ma kakulu: saza sacamanga pakati kwaso, sisiti: Ndiya kwenza nto nina, ndingenandawo nje apo ndiya kuzihlanganisela kona iziqa̔mo zam? Saye sisiti: Lento ndiya kuyenza: ndiya kuci̔ta inyango zam, ndake ezinkulu kuzo, ndize ndizihlanganisele kona zonke izilimo zam nempahla zam; ndandiya kuti kumpefumlo wam: Mpefumlo! unempahla ezininzi zibekelwa iminyaka emininzi; yiti upumle, udle, usele, ugcobe. Kodwa UTIXO wati kuye: Sidenge! kwa ngobubusuku kuyabizwa umpefumlo wako kuwe; ezonto uziqwebileyo kanti, zoba zezikabanina? Unjalo lowo uzibekelayo indyebo, engenabutyebi NGAKUTIXO. Waza wati kubadisipile bake: Ngako oku nditi kuni: Musani ukutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina; ningatukutezeleli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina: ubomi bukulu kuko ukutya, nomzimba umkulu kuzo izivato. Gqalani onomyai, okokuba abahlwayeli, abavuni nokuvuna, ekungeko kubo iqonga nasisele, kanti UTIXO uyabondla noko: kekaloku nina nizigqitisele intaka kakulu kangakananina? Nguwupina ke kuni ongati ngokutukutezela ongezelele ebudeni bake ikubite ibe nye? Ukuba ngoko nikohlwa kukwenza into encinane kuzo zonke, yinina ukuba ninesitukutezi ngezinye? Gqalani inyibiba, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako: kanti nditi kuni, kwa u‐Solomone kubo bonke ubungcwalisa bake akavatiswanga njengenye yezi. Ukuba ke inca, eti namhla ibeko ezindle, iti ngomso iposwe eziko, UTIXO uyenje njalo ukuyivatisa, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuvatisa nina, nina balukolo luncinane? Nize ningafuni nina ukuba notya nto nina, umhlaumbi ukuba nosela nto nina; niti kanjalo ningabi namatindala: ngokuba zonke ezizinto intlanga zelizwe zizifuna; kanjako UYIHLO uyazi ukuba niziswele ezizinto. Kodwa funani ubukumkani BUKATIXO, zaziya kuti zonke ezizinto zongezelelwe kuni. Ungoyiki, mhlambi omncinane! ngokuba UYIHLO etanda ukupa nina ubukumkani. Tengisani ngento eninazo, nipe amalizo: zenzeleni izidla ezingabi zindala, indyebo engenakupela ezulwini, apo isela lingasondeli nenundu lingadli kona: ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu.