Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 12:1-34

ULUKA 12:1-34 XHO96

Ekubeni kwakuhlanganisene amawaka-waka abantu ababebaninzi ngokokude banyathelane, uYesu wathi kubafundi bakhe kuqala: “Lilumkeleni igwele *labaFarasi elikukuzenzisa. Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa. Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.” “Ndithi kuni, zihlobo zam, musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi banokuyenza. Nanku emanimoyike: yoyikani uThixo, yena lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, moyikeni yena. “Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.” “Ke ndithi kuni, wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, wothi kwanaye *uNyana woLuntu amvume phambi kwezithunywa zikaThixo. Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo. “Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa. “Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na; kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.” Omnye esihlweleni wathi kuYesu: “Mfundisi, yitsho kumntakwethu sahlulelane ngelifa.” Ke yena wathi kuye: “Mntundini, ndibekwe ngubani na ukuba ndibe ngumgwebi nomahluli phakathi kwenu?” Wathi kubo: “Kulumkeleni konke ukubawa, kuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ebuninzini bezinto anazo.” Waza uYesu wathetha umzekeliso kubo, esithi: “Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu. Yena wacinga esithi: ‘Ndiya kuthini na, kuba andinandawo ndinokusigcina kuyo isivuno sam?’ Waza wathi: ‘Nantsi into endiya kuyenza: ndiya kubadiliza oovimba bam, ndakhe abakhulu kunabo, ndiyihlanganisele kubo yonke ingqolowa yam nendyebo yam; ndize ke ndithi kuwo umphefumlo wam: Mphefumlo wam, unempahla eninzi yeminyaka emininzi; phumla, yitya, sela, chwayita!’ Ke uThixo wathi kuye: ‘Siyathandini, ngobu busuku uya kwahlukana nobomi bakho. Ziya kuba zezikabani ke ezo zinto uzilungisileyo?’ Únjalo ke lowo uziqwebela ubutyebi, kodwa engenabutyebi kuThixo.” Waza ke uYesu wathi kubafundi bakhe: “Kungoko ndithi kuni: musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo. Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka! Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala ongeze nentwana le ebudeni bobomi bakhe? Ukuba ke aninako ukwenza neyona nto incinane, kungani na ukuba nizixhalele ezinye? Qondani ngeenyibiba ukukhula kwazo. Azisebenzi, zingaluki nokuluka oku, kanti ngenene naye uSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe wayengavathiswanga nanjenganye kuzo. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca, yona isendle namhlanje, ize ngomso iphoswe eziko, wobeka phi na ukunambesa nina, bantundini balukholo luncinane! Nize ke ningaxhalabi nifuna ukuba ningatya ntoni na, nisele ntoni na! Ngabangakholwayo abahlala besukelana nazo zonke ezi zinto. Ke nina ninoYihlo owaziyo xa niziswele. Zondelelani ukulawulwa nguye; zothi ke zonke ezo zinto zongezelelwe kuni.” “Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha. Thengisani ngeninako, niphe amahlwempu. Zenzeleni izipaji ezingagugiyo, nibulondoloze ezulwini ubutyebi benu, apho bungapheliyo, kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu. Kaloku apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho kwanentliziyo yenu.”