Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 11:14-32

ULUKA 11:14-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele. Kodwa abathile kubo bathi, Úzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon. Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini. Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa. Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule. Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko. Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile; kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo. Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo. Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyáyo. Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine. Ke kaloku, zakubon' ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana. Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.

ULUKA 11:14-32 IBHAYIBHILE (XHO96)

UYesu wayekhupha indimoni edala ubumumu emntwini; kwaza kwathi, yakuphuma indimoni, isimumu eso sathetha. Samangaliswa ke isihlwele, kodwa abathile kuso bathi: “Iindimoni ezi uzikhupha ngoSathana, umphathi weendimoni.” Abanye babemlinga, befuna umqondiso ophuma ezulwini. Ke uYesu, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Bonke uburhulumente obuvukelana bodwa buyawa, nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. NoSathana ke, ukuba okwakhe kuthe kwavukelana kodwa, lothini na ukungonakali ulawulo lwakhe? Nina nithi iindimoni ndizikhupha ngoSathana. Ke ukuba iindimoni ndizikhupha ngoSathana, bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Mabaphendule, nigwetywe ngabo. Ukuba ke iindimoni ndizikhupha ngamandla kaThixo, yazini ukuba ulawulo lukaThixo seluthwasile kuni. “Ukuba igorha lithe laxhoba lafa amacala, lawulinda umzi walo, impahla yalo yohlala igcinakele. Kodwa ukuba kuthe kwafika elinye igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha sonke isikrweqe salo ebelikholose ngaso, liwabe amaxhoba alo. “Lowo ungekho ngakum, uchasene nam; nalowo ungandiqokelelisiyo, uyachitha-chitha.” “Xa indimoni ithe yaphuma emntwini, icanda ezinkqantosini, ifuna ukuphumla; ize yakuba ingakufumani, isuke ithi: ‘Ndiya kubuyela endlwini yam endaphuma kuyo.’ Ithi yakufika, iyifumane itshayelwe, ilungisiwe; ize ke ijike iye kuphuthuma ezinye iindimoni ezisixhenxe ezikhohlakeleyo kunayo, zingene ke zihlale khona; ize imeko yamva yaloo mntu ibe mbi kuneyokuqala.” Ke kaloku ekuzithetheni kukaYesu ezi zinto, kwavakala umfazi esihlweleni apho, esithi kuye: “Unoyolo umfazi owakuzalayo nowakwanyisayo.” Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.” Kuthe isihlwele simxinanisile, uYesu wathi: “Esi sisizukulwana esikhohlakeleyo; sifuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaJona; kuba, njengokuba uJona waba ngumqondiso kwabaseNiniva, uya kuba nguwo *uNyana woLuntu kwesi sizukulwana. Ngomhla womgwebo ukumkanikazi waseZantsi wophakama abamangalele abantu besi sizukulwana, kuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon, kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. Ngomhla womgwebo abantu baseNiniva bophakama babamangalele abantu besi sizukulwana, kuba bona bâguquka ngentshumayelo kaJona, kanti ke omkhulu kunoJona nanku apha.”

ULUKA 11:14-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi, yakuphuma idemon, sathetha isisidenge; bamangaliswa abantu. Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon. Baye ke bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini. Ke kaloku yena, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa. Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule. Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Xa igorha lixhobile, lilinda ibhotwe lalo, impahla yalo iseluxolweni; Xa lithe lafika igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha zonke izikrweqe zalo ebelikholose ngazo, liwabe amaxhoba alo. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo. Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene ke bahlale khona; bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni apho, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, namabele owawanyayo. Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine. Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana. Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.

ULUKA 11:14-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku waeku̔pa idemoni, yaisidenge ke yona. Kwabekute, nxa idemoni ibipumile, sateta isidenge: zaza zati nqa izihlwele. Kodwa inxenye kubo bati: Uyaziku̔pa idemoni ngaye u‐Belezebule inkosi yedemoni. Nabanye, bemlinga, bebefuna umqondiso kuye uvela ezulwini. Kuloko yena wazazi inkumbulo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nendlu epambeneyo nendlu iyawa. Kanjalo no‐Satane ukuba upambene ngokwake, boti nina ubukumkani bake ukuma? ngokuba nisiti ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngomnwe KATIXO, kukona sebunifikele ubukumkani BUKATIXO. Xeshekweni onamandla exo̔bile ayigcina indlu yake, impahla zake zisekupumleni: kodwa emvenikweni onamandla makulu kwawake amzumileyo wamoyisa, uyasusa konke ukuxo̔ba kwake abetembele kuko, awabe amaxoba ake. Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta. Xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla; kanti engakufumani nje, uti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona: ati akufika ayifumane itshayelwe, ihonjiwe. Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala. Kwaye kute ekuziteteni kwake ezizinto, umfazi otile wasesihlweleni wapakamisa ilizwi wati kuye: Sinetamsanqa isizalo esakutwalayo, namabele owawanyayo. Kodwa yena wati: Hai gxebe, banetamsanqa abo balivayo ilizwi LIKATIXO, balibambe. Kekalolu nxa izihlwele zibe zibutana ndawonye ngemikumdelikane, waqala ukuti: Esisizukulwana sesikohlakeleyo; siyafuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. Ngokuba, njengokuba u‐Jona ebengumqondiso kuma‐Nineve, kwa njalo nonyana wesintu woba ngumqondiso kwesisizukulwana. Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nabantu besisizukulwana, abagwebe: ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone; kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa. Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe: ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona; kanti nanku omkulu ku‐Jona apa.