Kekaloku waeku̔pa idemoni, yaisidenge ke yona. Kwabekute, nxa idemoni ibipumile, sateta isidenge: zaza zati nqa izihlwele. Kodwa inxenye kubo bati: Uyaziku̔pa idemoni ngaye u‐Belezebule inkosi yedemoni. Nabanye, bemlinga, bebefuna umqondiso kuye uvela ezulwini. Kuloko yena wazazi inkumbulo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nendlu epambeneyo nendlu iyawa. Kanjalo no‐Satane ukuba upambene ngokwake, boti nina ubukumkani bake ukuma? ngokuba nisiti ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngomnwe KATIXO, kukona sebunifikele ubukumkani BUKATIXO.
Xeshekweni onamandla exo̔bile ayigcina indlu yake, impahla zake zisekupumleni: kodwa emvenikweni onamandla makulu kwawake amzumileyo wamoyisa, uyasusa konke ukuxo̔ba kwake abetembele kuko, awabe amaxoba ake. Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta.
Xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla; kanti engakufumani nje, uti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona: ati akufika ayifumane itshayelwe, ihonjiwe. Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala.
Kwaye kute ekuziteteni kwake ezizinto, umfazi otile wasesihlweleni wapakamisa ilizwi wati kuye: Sinetamsanqa isizalo esakutwalayo, namabele owawanyayo. Kodwa yena wati: Hai gxebe, banetamsanqa abo balivayo ilizwi LIKATIXO, balibambe.
Kekalolu nxa izihlwele zibe zibutana ndawonye ngemikumdelikane, waqala ukuti: Esisizukulwana sesikohlakeleyo; siyafuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. Ngokuba, njengokuba u‐Jona ebengumqondiso kuma‐Nineve, kwa njalo nonyana wesintu woba ngumqondiso kwesisizukulwana. Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nabantu besisizukulwana, abagwebe: ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone; kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa. Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe: ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona; kanti nanku omkulu ku‐Jona apa.