Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele. Kodwa abathile kubo bathi, Úzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon. Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini.
Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa. Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule. Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko. Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile; kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.
Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.
Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo. Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo.
Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyáyo. Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.
Ke kaloku, zakubon' ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana.
Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.