Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi, yakuphuma idemon, sathetha isisidenge; bamangaliswa abantu. Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon. Baye ke bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma ezulwini. Ke kaloku yena, ezazi iingcamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa. Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule. Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. Xa igorha lixhobile, lilinda ibhotwe lalo, impahla yalo iseluxolweni; Xa lithe lafika igorha elinamandla kunalo, laloyisa, lolihlutha zonke izikrweqe zalo ebelikholose ngazo, liwabe amaxhoba alo. Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha. Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo. Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene ke bahlale khona; bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni apho, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, namabele owawanyayo. Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine. Ke kaloku, zakubon’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana. Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.