Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 1:57-80

ULUKA 1:57-80 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana. Beva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye, baye ke bevuyisana naye. Kwathi ngomhla wesibhlozo, beza kumalùsa umntwana; baye bemthiya igama likayise, besithi nguZekariya; koko waphendulayo unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane. Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho. Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa. Wabiza icwecwana, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo. Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo; kwaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ngazo zonke ezi zinto. Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye. UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi: Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo. Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide, umkhonzi wayo, Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni; Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo; Ukubenzela inceba oobawo bethu, Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele, Isifungo eyasifungela uAbraham ubawo wethu, Sokusinika ukuba sithi, síhlangulwe esandleni seentshaba zethu, Siyikhonze singenakoyika, Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu. Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, Kuba ùya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo, Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindiso Ngoxolelo lwezono zabo, Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu, Othe ngaye wasivelela umsó wasenyangweni, Ukuba úkhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzini lokufa, Ukuba úzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo. Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.

ULUKA 1:57-80 IBHAYIBHILE (XHO96)

Lafika ke ixesha lokuba uElizabhete abeleke, waza wazala unyana. Bakuva abamelwane bakhe nezizalwana zakhe ngale nceba ingaka ayenzelwe yiNkosi, bavuyisana naye. Kwathi ke ngomhla wesibhozo baya kumàlusa umntwana, befuna ukumthiya ngoyise uZakariya. Kodwa unina wala, esithi: “Hayi, igama lakhe nguYohane!” Bona ke bathi kuye: “Lingekho nje eli gama kowabo!” Baza babhekisa kuyise ukuba yena unga angathiywa gama lini na. Wabiza icwecwana, wabhala wathi: “Igama lakhe nguYohane.” Baza bamangaliswa bonke. Kwangoko lwacombuluka ulwimi lukaZakariya, wathetha ebonga uThixo. Bangenwa luloyiko ke bonke abamelwane, yaza le nto yonke yaba ngundabamlonyeni kulo lonke eleentaba lakwaJuda. Bathi bonke abayivayo bayimilisela ezingqondweni, besithi: “Yaz'ba, uya kuba yintoni na lo mntwana?” Kuba kaloku amandla eNkosi ayenaye. UZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, watyibela wathi: “Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo; kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo. Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mnene oweza *ngabashumayeli bayo abangcwele, ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo; isithi yobenzela inceba oobawo bethu, iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele, isifungo eyasenzela uAbraham ubawo wethu, sokusihlangula ezintshabeni zethu, siyikhonze singenaxhala, ngobungcwele nangobulungisa phambi kwayo, yonke imihla yobomi bethu. Nawe ke, mntwana wam, wobizwa ngokuba *ungumshumayeli kaThixo uPhezukonke, kuba uya kuyibhulela umbethe iNkosi, uyigabulele izigcawu. Wobazisa abantu beNkosi ngosindiso olungoxolelo lwezono zabo, kuba unenceba nemfesane uThixo wethu. Ngoko wosivelisela olilanga lasezulwini, ukuze akhanyisele abasebumnyameni nasethunzini lokufa, nokuze azikhokelele endleleni yoxolo iinyawo zethu.” Wakhula umntwana, waya esomelela ngokomelela. Wayehlala entlango kwada kwayimini yokubonakala kwakhe kumaSirayeli.

ULUKA 1:57-80 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana. Bakuva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye; baye bevuyisana naye. Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; Bambiza ngegama likayise uZekariya. Waphendula unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane. Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho. Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa. Wacela itafile, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo. Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo, yaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ezi zinto. Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye. uZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi, Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli; ngokuba ubavelele, wabakhulula abantu bakhe; Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide umkhonzi wakhe; njengoko wathethayo ngomlomo wabaprofeti bakhe abangcwele, ababekho kwasephakadeni; ukuze sihlangulwe ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abasithiyayo; Ukubenzela inceba oobawo bethu, nokukhumbula umnqophiso wakhe ongcwele; Isifungo awasifungela ubawo uAbraham, ukuze asinike, ukuba sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, simkhonze singenaloyiko; Ngobungcwele nangobulungisa phambi kwakhe, yonke imihla yobomi bethu. Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo; Ukubazisa abantu bakhe usindiso ngoxolelo lwezono zabo; Ngenceba yoThixo wethu; ekwasiveleleyo kokusa kwasenyangweni; Ukuba ukukhanya kwabahleli emnyameni nasethunzini lokufa, Ukuba uzikhokele iinyawo zethu endleleni yoxolo. Wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni; wayesezintlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.

ULUKA 1:57-80 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Kekaloku u‐Elizabete lamzalisekelwa ixesha lokuba azale, wazala unyana ke. Baza abo babehleli kufupi, nabalamane bake, beva okokuba INKOSI ibenze bukulu ububele bake ngakuye, bavuyelana naye. Kwaye kute ngomhla wesibozo, beza ukuza ukwalusa umntwana; babembiza ke ngo‐Zekariya, ngegama likayise. Waza wapendula unina wati: Nakanye; koko aya kubizwa ngo‐Johane. Baza bati kuye: Akuko namnye pakati kwabalamane bako obizwa ngeligama. Baye bekoba ke kuyise, ukuba unga angatiwa nina ukubizwa. Waza wabiza icwecwana, waba̔la, esiti: Ngu‐Johane igama lake. Bati nqa ke bonke. Waseluvulwa umlomo wake oko, nolwimi lwake lwatukululwa, wateta, embonga UTIXO. Kwaza kwehla ulwoyiko pezu kwabo bonke ababehleli kufupi nabo; nakulo lonke ilizwe lasezintabeni lase‐Judeya zibe zivakaliswa zonke ezizinto. Kanjalo bonke ababezivile bazibekela ezintliziyweni zabo, besiti: Woda ati nina umntwana lo? Saye isandla SENKOSI sibe sinaye. Waza u‐Zekariya uyise wazaliswa NGOMOYA OYINGCWELE, waprofitesha, esiti: Maibongwe INKOSI, UTIXO wo‐Sirayeli, ukuba ibakangele yabenzela inkululwa abantu bayo, yasipakamisela upondo lwosindiso endlwini ka‐Davide isicaka sayo; (njengokuba itetile ngomlomo wabaprofite bayo abangcwele bakudala;) size sisindiswe ezintshabeni zetu, nasesandleni sabo bonke abasitiyayo: ukuba ibenzele ububele obawo betu, nokuba ikumbule ucebano lwayo olungcwele; isifungo eyasifungela u‐Abrahame ubawo wetu, sokuba isipe ukuti, sihlangulwe esandleni sentshaba zetu, siyikonze singenakwoyika, ngobungcwele nangobulungisa pambi kwayo, yonke imihla yokudla kwetu ubomi. Nawe, mntwana! uya kubizwa ngokuba ngumprofite wopezu kwonke: ngokuba uya kwandulela pambi kwobuso BENKOSI ukuya kulungisa indlela zayo; ukunika abantu bayo ukwaziwa kwosindiswa ngokuxolelwa kwezono zabo, ngenceba zobubele BOTIXO wetu, ekungazo satyelela kuti isifingo sokusa sivela enyangweni, ukuza kukanyela abo bahleli ebumnyameni nasetunzini lokufa, size inyawo zetu sizikapele endleleni yoxolo. Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni; wayesezintlango apo, kwada kwangumhla wokubonakaliswa kwake ko‐Sirayeli.