Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

ULUKA 1:57-80

ULUKA 1:57-80 XHO96

Lafika ke ixesha lokuba uElizabhete abeleke, waza wazala unyana. Bakuva abamelwane bakhe nezizalwana zakhe ngale nceba ingaka ayenzelwe yiNkosi, bavuyisana naye. Kwathi ke ngomhla wesibhozo baya kumàlusa umntwana, befuna ukumthiya ngoyise uZakariya. Kodwa unina wala, esithi: “Hayi, igama lakhe nguYohane!” Bona ke bathi kuye: “Lingekho nje eli gama kowabo!” Baza babhekisa kuyise ukuba yena unga angathiywa gama lini na. Wabiza icwecwana, wabhala wathi: “Igama lakhe nguYohane.” Baza bamangaliswa bonke. Kwangoko lwacombuluka ulwimi lukaZakariya, wathetha ebonga uThixo. Bangenwa luloyiko ke bonke abamelwane, yaza le nto yonke yaba ngundabamlonyeni kulo lonke eleentaba lakwaJuda. Bathi bonke abayivayo bayimilisela ezingqondweni, besithi: “Yaz'ba, uya kuba yintoni na lo mntwana?” Kuba kaloku amandla eNkosi ayenaye. UZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, watyibela wathi: “Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli, kuba ibavelele yabakhulula abantu bayo; kwaDavide isicaka sayo isivelisele uMsindisi otshatsheleyo. Nguwo lo umlomo wayo wamhla-mnene oweza *ngabashumayeli bayo abangcwele, ithembisa ukusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abasithiyileyo; isithi yobenzela inceba oobawo bethu, iwukhumbule umnqophiso wayo ongcwele, isifungo eyasenzela uAbraham ubawo wethu, sokusihlangula ezintshabeni zethu, siyikhonze singenaxhala, ngobungcwele nangobulungisa phambi kwayo, yonke imihla yobomi bethu. Nawe ke, mntwana wam, wobizwa ngokuba *ungumshumayeli kaThixo uPhezukonke, kuba uya kuyibhulela umbethe iNkosi, uyigabulele izigcawu. Wobazisa abantu beNkosi ngosindiso olungoxolelo lwezono zabo, kuba unenceba nemfesane uThixo wethu. Ngoko wosivelisela olilanga lasezulwini, ukuze akhanyisele abasebumnyameni nasethunzini lokufa, nokuze azikhokelele endleleni yoxolo iinyawo zethu.” Wakhula umntwana, waya esomelela ngokomelela. Wayehlala entlango kwada kwayimini yokubonakala kwakhe kumaSirayeli.