Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uLuka 1:57-80

uLuka 1:57-80 CXB24

Ke kaloku, ixesha likaElizabhete lazaliseka lokuba azale; wazala unyana. Bakuva abamelwane nemizalwane yakhe, ukuba iNkosi iyenze nkulu inceba yayo kuye; baye bevuyisana naye. Kwathi ngomhla wesibhozo, beza kumalusa umntwana; Bambiza ngegama likayise uZekariya. Waphendula unina, wathi, Hayi; uya kubizwa ngokuba nguYohane. Bathi kuye, Akukho namnye ubizwa ngelo gama kwimizalwane yakho. Baye ke benqwala kuyise besithi, angathanda ukuba athiweni na ukubizwa. Wacela itafile, wabhala esithi, Igama lakhe nguYohane. Bamangaliswa bonke. Wavuleka ke kwaoko umlomo wakhe, lwathukululeka nolwimi lwakhe, wamana ethetha, ebonga uThixo. Kwehla ukoyika phezu kwalo lonke umelwane lwabo, yaye kulo lonke eleentaba lakwaYuda kuxoxwa ezi zinto. Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye. uZakariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi, Makabongwe uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli; ngokuba ubavelele, wabakhulula abantu bakhe; Yasiphakamisela uphondo losindiso Endlwini kaDavide umkhonzi wakhe; njengoko wathethayo ngomlomo wabaprofeti bakhe abangcwele, ababekho kwasephakadeni; ukuze sihlangulwe ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abasithiyayo; Ukubenzela inceba oobawo bethu, nokukhumbula umnqophiso wakhe ongcwele; Isifungo awasifungela ubawo uAbraham, ukuze asinike, ukuba sihlangulwe esandleni seentshaba zethu, simkhonze singenaloyiko; Ngobungcwele nangobulungisa phambi kwakhe, yonke imihla yobomi bethu. Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni, kuba uya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo; Ukubazisa abantu bakhe usindiso ngoxolelo lwezono zabo; Ngenceba yoThixo wethu; ekwasiveleleyo kokusa kwasenyangweni; Ukuba ukukhanya kwabahleli emnyameni nasethunzini lokufa, Ukuba uzikhokele iinyawo zethu endleleni yoxolo. Wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni; wayesezintlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.