UYOHANE 6:22-44
UYOHANE 6:22-44 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngengomso indimbane leyo, ìbimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemké bodwa abafundi bakhe; nokuba kuzé eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi: xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,• ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezo zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. Bathi ngoko kuye, Wènza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi. Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; ngokuba ndihle emazulwini, ndingàze kwenza ukuthanda kwam; ndizé kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini? Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
UYOHANE 6:22-44 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa. Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele. Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum. Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?” Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.” Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.” Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo? Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’ ” Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini. Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.” Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.” Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe. “Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa. Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli, kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo. Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela. Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.” Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini, athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?” Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela. Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.
UYOHANE 6:22-44 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yabona ukuba akukho mkhombe wumbi khona apho, ingenguwo lowo bangene kuwo abafundi bakhe, nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhombeni, wemka nabafundi bakhe, bemka bodwa; (Kodwa kweza eminye imikhombe evela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka, emva kokuba iNkosi yayibulele) Xa ngoko indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na ke ngoko, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bâtya imana entlango; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla ephuma ezulwini, alinike ubomi ihlabathi. Baza bathi kuye: “Nkosi, khawusinike eso sonka ngamaxa onke. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Ndithe ke kuni, Nindibonile nokundibona, anakholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko ukuthi, Ndihle emazulwini? Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra phakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
UYOHANE 6:22-44 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngomnye umhla, isihlwele esibe simi pesheya kwolwandle, sakubona ukuba bekungeko kona omnye umkombe, bekuko lowo bangena kuwo abadisipile bake kwapela, nokuba u‐Yesu akaya kunye nabadisipile bake emkonjeni lowo, koko abadisipile bake bemkayo bodwa; (kodwa noko yeza eminye imikombe ivela e‐Tiberiyasi, kufupi nalondawo apo batya isonka kona, yakuba ibibulele INKOSI;) xeshekweni ngoko sabona isihlwele ukuba u‐Yesu akako kona, kwa nabadisipile bake, bangena nabo ezinqanaweni, beza e‐Kapenayume, bemfuna u‐Yesu. Baza bakumfumana pesheya kwolwandle bati kuye: Rabi! ufike ninina apa? Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta. Ningasebenzeli okokutya okutshabalalayo, koko sebenzelani okokutya okuhlalayo kude kube bubomi obungunapakade, eniya kupiwa kona ngunyana wesintu: ngokuba lo UYISE wamncamatiselayo, kwa UTIXO. Bandula bati kuye: Siya kwenza nto nina, ukuze sisebenze imisebenzi KATIXO? Wapendula u‐Yesu wati kubo: Nguwo lo umsebenzi KATIXO, wokuba nikolwe kulowo watunywayo nguye. Bati ngoko kuye: Ngumqondiso mnina uwenzayo wena pofu, ukuze sibone sikolwe kuwe? yinto nina uyisebenzayo? Obawo betu batya imana entlango; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Wabanika isonka sivela ezulwini ukuba batye. Wati ngoko kubo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Asi ngu‐Mosesi oninikileyo esosonka sivela ezulwini; NGUBAWO oninikayo esosonka sivela ezulwini esiyinyaniso. Ngokuba isonka SIKATIXO seso sihlayo ezulwini, esinika ubomi elizweni. Bandula bati kuye: Nkosi! sipe isonka esi kube ngamaxesha onke. Waza wati kubo u‐Yesu: Mna ndisiso isonka sobomi: ozayo kum, akasayi kuti alambe: nokolwayo kum, akasayi kuti anxanwe napakade. Koko ndatshoyo kuni ukuti senindibonile, kanti anikolwa. Konke endikupiwa NGUBAWO, kuya kuza kum; nalowo uzayo kum andisayi kumlahla. Ngokuba ndihlile ezulwini, kungekukuba ndiyenze intando yam, kukuba ndiyenze intando yalowo wanditumayo. Yiyo ke le intando KABAWO owanditumayo, yokuba konke endikupiwe nguye ndingalahlekani nanto kuko, nditi ndikuvuse ngomhla wokupela. Yiyo ke le intando yalowo wanditumayo, yokuba lowo usukuba embona UNYANA, ekolwa nokukolwa kuye, abe nobomi obungunapakade, nokuba ndimvuse mna ngomhla wokupela. Andula aṙoṙa ama‐Juda ngaye, kuba ebete: Mna ndisiso isonka esehlayo ezulwini. Aza ati: Lo asi nguye na u‐Yesu unyana ka‐Josefe, osibaziyo uyise nonina? kuyinina pofu ukuba uti lo: Ndihlile ezulwini? Wapendula ngoko u‐Yesu wati kuwo: Ningaṙoṙi pakati kwenu. Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni UBAWO owanditumayo angamtsali: ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela.