Ngomnye umhla, isihlwele esibe simi pesheya kwolwandle, sakubona ukuba bekungeko kona omnye umkombe, bekuko lowo bangena kuwo abadisipile bake kwapela, nokuba u‐Yesu akaya kunye nabadisipile bake emkonjeni lowo, koko abadisipile bake bemkayo bodwa; (kodwa noko yeza eminye imikombe ivela e‐Tiberiyasi, kufupi nalondawo apo batya isonka kona, yakuba ibibulele INKOSI;) xeshekweni ngoko sabona isihlwele ukuba u‐Yesu akako kona, kwa nabadisipile bake, bangena nabo ezinqanaweni, beza e‐Kapenayume, bemfuna u‐Yesu.
Baza bakumfumana pesheya kwolwandle bati kuye: Rabi! ufike ninina apa? Wabapendula u‐Yesu wati: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Niyandifuna, kungengokuba nabona imimangaliso, kungokuba nibe nisitya kwezozonka, nahluta nokuhluta. Ningasebenzeli okokutya okutshabalalayo, koko sebenzelani okokutya okuhlalayo kude kube bubomi obungunapakade, eniya kupiwa kona ngunyana wesintu: ngokuba lo UYISE wamncamatiselayo, kwa UTIXO.
Bandula bati kuye: Siya kwenza nto nina, ukuze sisebenze imisebenzi KATIXO? Wapendula u‐Yesu wati kubo: Nguwo lo umsebenzi KATIXO, wokuba nikolwe kulowo watunywayo nguye.
Bati ngoko kuye: Ngumqondiso mnina uwenzayo wena pofu, ukuze sibone sikolwe kuwe? yinto nina uyisebenzayo? Obawo betu batya imana entlango; njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Wabanika isonka sivela ezulwini ukuba batye.
Wati ngoko kubo u‐Yesu: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Asi ngu‐Mosesi oninikileyo esosonka sivela ezulwini; NGUBAWO oninikayo esosonka sivela ezulwini esiyinyaniso. Ngokuba isonka SIKATIXO seso sihlayo ezulwini, esinika ubomi elizweni. Bandula bati kuye: Nkosi! sipe isonka esi kube ngamaxesha onke.
Waza wati kubo u‐Yesu: Mna ndisiso isonka sobomi: ozayo kum, akasayi kuti alambe: nokolwayo kum, akasayi kuti anxanwe napakade. Koko ndatshoyo kuni ukuti senindibonile, kanti anikolwa. Konke endikupiwa NGUBAWO, kuya kuza kum; nalowo uzayo kum andisayi kumlahla. Ngokuba ndihlile ezulwini, kungekukuba ndiyenze intando yam, kukuba ndiyenze intando yalowo wanditumayo. Yiyo ke le intando KABAWO owanditumayo, yokuba konke endikupiwe nguye ndingalahlekani nanto kuko, nditi ndikuvuse ngomhla wokupela. Yiyo ke le intando yalowo wanditumayo, yokuba lowo usukuba embona UNYANA, ekolwa nokukolwa kuye, abe nobomi obungunapakade, nokuba ndimvuse mna ngomhla wokupela.
Andula aṙoṙa ama‐Juda ngaye, kuba ebete: Mna ndisiso isonka esehlayo ezulwini. Aza ati: Lo asi nguye na u‐Yesu unyana ka‐Josefe, osibaziyo uyise nonina? kuyinina pofu ukuba uti lo: Ndihlile ezulwini?
Wapendula ngoko u‐Yesu wati kuwo: Ningaṙoṙi pakati kwenu. Akuko mntu ongezayo kum, xeshekweni UBAWO owanditumayo angamtsali: ndandiya kuti mna ndimvuse ngomhla wokupela.