Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yabona ukuba akukho mkhombe wumbi khona apho, ingenguwo lowo bangene kuwo abafundi bakhe, nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhombeni, wemka nabafundi bakhe, bemka bodwa; (Kodwa kweza eminye imikhombe evela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka, emva kokuba iNkosi yayibulele) Xa ngoko indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha? Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na ke ngoko, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? Oobawo bâtya imana entlango; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla ephuma ezulwini, alinike ubomi ihlabathi. Baza bathi kuye: “Nkosi, khawusinike eso sonka ngamaxa onke. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. Ndithe ke kuni, Nindibonile nokundibona, anakholwa noko. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko ukuthi, Ndihle emazulwini? Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra phakathi kwenu. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.