Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 6:22-44

UYOHANE 6:22-44 XHO96

Ngengomso indimbane yabantu yayisekho ngaphesheya koLwandle lwaseGalili. Abantu aba babebone isikhitshana sasinye kuphela, baye babesazi okokuba uYesu wayengakhwelanga nabafundi bakhe, kuba bona babehambe bebodwa. Kodwa ezinye izikhitshana, ezazivela eTibheriya, zafika ngakuloo ndawo isihlwele sasityela kuyo isonka emva kokuba iNkosi yayibulele. Yakubona ke indimbane okokuba uYesu akakho apho, bengekho nabafundi bakhe, yakhwela kwezo zikhitshana, yaya kumfuna eKapernahum. Abo bantu bamfumana uYesu ngaphesheya kolwandle, bathi kuye: “Mfundisi, ngaba ufike nini na apha?” Waphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, anizanga kundifuna kuba nibone imiqondiso endiyenzayo; nindifuna kuba nitye esaa sonka nahlutha. Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.” Ke ngoko bathi kuye: “Misebenzi mini uThixo afuna siyenze?” Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.” Ke bona bathi kuye: “Wena ngaba wenza mqondiso mni na, ukuze sibone sikholwe kuwe? Yintoni oyenzayo? Oobawo bâtya *imana entlango, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi: ‘Wabanika batya isonka esivela ezulwini.’ ” Wathi ke uYesu kubo: “Ndithi kuni, inene, asinguye uMosis owaninika isonka esivela ezulwini; nguBawo oninika esona sonka sisiso esivela ezulwini. Isonka esivela kuThixo ngulowo wehlayo evela ezulwini, eze kulinika ubomi ihlabathi.” Baza bathi kuye: “Nkosi, uzungadinwa nanini na ukusipha eso sonka.” Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe. “Ke nina, njengoko senditshilo, nindibonile nokundibona, naza noko anakholwa. Bonke endibanikwe nguBawo, baya kuza kum. Ke lowo uzayo kum andingekhe ndingamamkeli, kuba ndehla ezulwini ndingezanga kwenza eyam intando, koko ndize kwenza intando yalowo wandithumayo. Intando yalowo wandithumayo kukuthi kungalahleki namnye kwabo andinika bona, koko ndibavuse ekufeni bonke ngomhla wokugqibela. Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.” Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini, athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?” Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela. Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.