UYOHANE 19:1-27
UYOHANE 19:1-27 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya. Amasoldati, eluke isithsaba ngameva, asibeka phezu kwentloko yakhe, amthi wambu ngengubo ebomvu, amana esithi, Aa! Kumkani wamaYuda! ammonxoza. Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye. Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; athi uPilato kubo, Nanko umntu. Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye. Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke úfanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo. Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi. Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? Ke uYesu akamphendulanga. Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula? Uphendule uYesu wathi, Ùnge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko, ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi. Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare;• bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare. Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; ke ngesiHebhere yiGabhata. Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika,• ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu! Ke wona ankqangaza esithi, Susa, susa, mbethelele emnqamlezweni! Athi uPilato kuwo, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Thina asinakumkani ungenguye uKesare. Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabámbi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi. Ke kaloku uPilato wabhala nombhalo, wawubeka phezu komnqamlezo. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa: UYESU WASENAZARETE, UKUMKANI WAMAYUDA. Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma. Babesithi ngoko kuPilato ababingeleli abakhulu bamaYuda, Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda. Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile. Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo eziné, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke kaloku, ingubo yangaphantsi yabe ingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu. Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na; ukuze isibhalo sizaliseke esithi, Babelana ngeengubo zam, Benza amaqashiso ngesambatho sam. (INdum. 22:18) Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto. Kwakumi ke ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala. UYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho! Andule athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa, umfundi lowo wamthabatha, wamsa kwikhaya lakhe.

UYOHANE 19:1-27 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza uPilato wayalela ukuba uYesu makakatswe. Amajoni oluka isithsaba sameva, amfaka sona entloko, amambathisa ngengubo ebomvu, amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha. Waphinda uPilato waphuma, wathi kumaJuda: “Niyabona, ndimzisa kuni, ukuze niqonde ukuba andifumani tyala kuye konke.” Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!” Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!” Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.” Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.” Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi, waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga. UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?” Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.” UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.” Akuyiva le nto, uPilato wamkhuphela ngaphandle uYesu, waya kuchopha esihlalweni sokugweba, endaweni ekuthiwa nguMgangatho waMatye, ngesiHebhere kuthiwa yiGabhata. Ke kaloku kwakusemini enkulu ngomhla owandulela *iPasika, waza uPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke ukumkani wenu.” Ankqangaza athi: “Msuse! Msuse! Mbethelele emnqamlezweni!” Wathi kuwo uPilato: “Nifuna ndimbethelele emnqamlezweni ukumkani wenu?” Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye qha ukumkani wethu: nguKhesare.” Waza ke uPilato wabavumela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni. Kwemkiwa naye uYesu, ehamba ethwele umnqamlezo wakhe ukuya kuloo ndawo kuthiwa yeyoKhakhayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGolgota. Apho bambethelela emnqamlezweni, ephahlwe ngabanye ababini, bebethelelwe nabo, uYesu ephakathi. UPilato wabhala nesaziso, esaxhonywa emnqamlezweni. Kwakubhalwe kwathiwa: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaJuda.” AmaJuda amaninzi asifunda eso saziso, kuba loo ndawo uYesu wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni yayikufuphi nesixeko. Isaziso eso sasibhalwe ngesiHebhere, nangesiLatini, nangesiGrike. Ke ngoko ababingeleli abaziintloko bamaJuda bathi kuPilato: “Sukubhala uthi: ‘UKumkani wamaJuda;’ yithi kanye: ‘Lo mntu uthe: NdinguKumkani wamaJuda.’ ” Waphendula uPilato wathi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.” Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu. Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi: “Babelana ngeempahla zam; baqashisa ngesambatho sam.” Enza loo nto kanye amajoni. Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala. UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.” Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.
UYOHANE 19:1-27 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza ngoko uPilato wamthabatha uYesu, wamtyakatya. Aza amasoldati aluka isithsaba sameva, ambeka entloko, amnxiba ingubo ebomvu, besithi, Vuya, Kumkani wamaYuda! bambetha ke ngezandla. Wabuya ngoko waphuma phandle uPilato; athi kubo, Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye. Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; Athi kubo uPilato, Nanko umntu. Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye. Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke ufanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo. Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi. Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena? Akaphendula ke uYesu kuye. Athi ngoko uPilato kuye, Akuthethi na kum? Akwazi na ukuba ndinegunya lokukubethelela emnqamlezweni, nokuba ndinegunya lokukukhulula? Uphendule uYesu wathi, Unge ungenagunya nakanye kum, ukuba ubungalinikwanga livela phezulu; ngenxa yoko ondinikeleyo kuwe unesono esikhulu ngakumbi. Ngenxa yoko wayefuna uPilato ukumkhulula; kodwa amaYuda ayenkqangaza esithi, Ukuba uthe wamkhulula lo, akusihlobo sikaKesare; bonke abazenza ukumkani bachasa uKesare. Elivile ngoko uPilato eli lizwi, wamzisa phandle uYesu, wahlala esihlalweni sokugweba kwindawo ekuthiwa, siSandlalo saMatye; Ke kaloku kwakuyimini yokulungiselela ipasika, ilixa ke ngathi lilelesithandathu; athi kumaYuda, Nanko uKumkani wenu! Basuka ke bona bankqangaza, besithi, Msuse, mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Ndimbethelele emnqamlezweni na uKumkani wenu? Baphendula ababingeleli abakhulu bathi, Asinakumkani ngaphandle kukaKesare. Wandula ngoko ukumnikela kubo, ukuze abethelelwe emnqamlezweni. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Waphuma ethwele umnqamlezo wakhe waya kwindawo ekuthiwa yiNdawo yoKhakhayi, leyo kuthiwa ngesiHebhere yiGolgota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabambi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi. uPilato wabhala nombhalo, wawubeka emnqamlezweni. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa, UYESU waseNazarete, uKumkani wamaYuda. Lo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhalwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma. Bathi ngoko ababingeleli abakhulu bamaYuda kuPilato, Musa ukubhala ukuthi, uKumkani wamaYuda; wathi, NdinguKumkani wamaYuda. Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile. Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo ezine, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke yona ingubo yangaphantsi ibingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu. Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiyenze amaqashiso, ukuba yoba yekabani na; ukuze sizaliseke isibhalo esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam. Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto. Ke kaloku kwakumi ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala. uYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho! Aze athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa loo mfundi wamthabatha, wamsa ekhayeni lakhe.
UYOHANE 19:1-27 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Pilati ngoko wamtabata u‐Yesu, wambeta. Aza amasodati aluka isitsaba ngemitolo, asibeka entlokweni yake, amvatisa ingubo ebomvu, ati: A, kumkani wama‐Juda! Abemtywakaza ngezandla kanjalo. Wandula u‐Pilati wabuya wapuma ngapandle, wati kubo: Kangela, ndiyamzisa kuni ngapandle, ukuze nazi ukuba andifumani tyala kuye. (Wapuma ngoko u‐Yesu ngapandle, esambete isitsaba semitolo, nengubo ebomvu.) Waza wati kubo: Nanku umntu ke! Xeshekweni ngoko bambonayo abaperisite abakulu namadindili, badanduluka, besiti: Mkuruseshe, mkuruseshe! Wati u‐Pilati kubo: Mtabateni nina, nimkuruseshe; ngokuba ndingafumani tyala kuye mna. Ati ama‐Juda ukumpendula: Tina sinomteto, kanjalo ngawo lomteto wetu ufanelwe kukufa, ngokuba wabezenza unyana KATIXO. Wandula u‐Pilati akuva elilizwi, woyika ngakumbi, wabuya wangena endlwini yenkosi, wati ku‐Yesu: Uvela pina? Kodwa u‐Yesu akamnika mpendulo. Wati ngoko u‐Pilati kuye: Akuteti kum na? akwazi na ukuba ndinegunya lokukurusesha, nokuba ndinegunya lokukukulula? Wati u‐Yesu ukupendula: Ubungayi kuba nagunya ngakum nakanye, ukuba ubungalinikwanga livela pezulu: ngako oku lowo wandinikelayo kuwe unesono esikulu ngakumbi. Emveni kwoku wabefuna u‐Pilati ukumkulula: kodwa ama‐Juda abedanduluka, esiti: Ukuba lo uyamkulula, akunguye umhlobo ka‐Kesare: osukuba ezenza ukumkani uyamca̔sa u‐Kesare. Wati ngoko u‐Pilati akuva elilizwi, wamzisa u‐Yesu ngapandle, wahlala pantsi pezu kwesihlalo sokugweba endaweni e‐kutiwa Sisandlalwamatye, kodwa ngokwama‐Hebere yi‐Gabata: (kekaloku ibiyimini yokulungiselela yasepasikeni, neyure yanga yayeyesitandatu:) waza wati kuma‐Juda: Nanku ukumkani wenu! Kodwa adanduluka wona, esiti: Msuse, msuse, mkuruseshe yena! Wati kuwo u‐Pilati: Ndimkuruseshe ukumkani wenu na? Bati ukupendula abaperisite abakulu: Asinakumkani, sino‐Kesare kupela. Wandula ngoko wamnikela kubo, ukuze akuruseshwe. Baza bamtabata u‐Yesu, bemka naye. Waza yena etwala ikuruse yake wapuma waya endaweni e‐kutiwa yeyenkankani, leyo kutiwa ngokwama‐Hebere yi‐Gologota; apo bamkuruseshela kona, nabanye bebabini ndawonye naye, omnye ngelicala, omnye ngeliya, u‐Yesu epakati. Kanjako u‐Pilati waba̔la isiba̔lwa, wasibeka pezu kwayo ikuruse. Kwabekuba̔liwe ukuti: UYESU WASENAZARETE UKUMKANI WAMAJUDA. Esi isiba̔lwa ke ama‐Juda amaninzi asilesesha; ngokuba londawo ibikufupi nesixeko, apo u‐Yesu wakuruseshelwa kona: kwabekuba̔liwe ngokwama‐Hebere, nangokwama‐Girike, nangokwama‐Roma. Baye besiti ngoko abaperisite abakulu bama‐Juda ku‐Pilati: Ungaba̔li ngokuti: Ukumkani wama‐Juda; koko uti, watsho yena ukuti: Ndingukumkani wama‐Juda. Wati ukupendula u‐Pilati: Oko ndikuba̔lileyo, ndikuba̔lile. Andula amasodati, okuya abemkuruseshile u‐Yesu, atabata izivato zake, enza izahlulo zazine, sibe sisahlulo sinye kumasodati amanye ngamanye, kwa nengubo yake yapantsi: kekaloku ingubo yake yapantsi ibe ingenamtungo, ilukiwe ipela kutabata pezulu. Ati ngoko elinye kwelinye: Masingaṙazuli yona, koko masenze amaqashiso ngayo, okuba yoba yekabanina: ukuze isiba̔lo sizaliseke, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Ezizinto ke ngoko amasodati lawo azenza. Kekaloku kube kumi ngakuyo ikuruse ka‐Yesu unina, nodade wonina, u‐Mariya umfazi ka‐Kelopasi, no‐Mariya wase‐Magadala. Waza u‐Yesu akubona unina, nalomdisipile emi kufupi abemtanda, wati kunina: Mfazi, nanko unyana wako! Wandula wati kulomdisipile: Nanko unyoko! Waza umdisipile lowo emveni kweloxeshana wamtabatela ekayeni lake.