Wandula u‐Pilati ngoko wamtabata u‐Yesu, wambeta. Aza amasodati aluka isitsaba ngemitolo, asibeka entlokweni yake, amvatisa ingubo ebomvu, ati: A, kumkani wama‐Juda! Abemtywakaza ngezandla kanjalo.
Wandula u‐Pilati wabuya wapuma ngapandle, wati kubo: Kangela, ndiyamzisa kuni ngapandle, ukuze nazi ukuba andifumani tyala kuye. (Wapuma ngoko u‐Yesu ngapandle, esambete isitsaba semitolo, nengubo ebomvu.) Waza wati kubo: Nanku umntu ke! Xeshekweni ngoko bambonayo abaperisite abakulu namadindili, badanduluka, besiti: Mkuruseshe, mkuruseshe! Wati u‐Pilati kubo: Mtabateni nina, nimkuruseshe; ngokuba ndingafumani tyala kuye mna. Ati ama‐Juda ukumpendula: Tina sinomteto, kanjalo ngawo lomteto wetu ufanelwe kukufa, ngokuba wabezenza unyana KATIXO.
Wandula u‐Pilati akuva elilizwi, woyika ngakumbi, wabuya wangena endlwini yenkosi, wati ku‐Yesu: Uvela pina? Kodwa u‐Yesu akamnika mpendulo. Wati ngoko u‐Pilati kuye: Akuteti kum na? akwazi na ukuba ndinegunya lokukurusesha, nokuba ndinegunya lokukukulula? Wati u‐Yesu ukupendula: Ubungayi kuba nagunya ngakum nakanye, ukuba ubungalinikwanga livela pezulu: ngako oku lowo wandinikelayo kuwe unesono esikulu ngakumbi.
Emveni kwoku wabefuna u‐Pilati ukumkulula: kodwa ama‐Juda abedanduluka, esiti: Ukuba lo uyamkulula, akunguye umhlobo ka‐Kesare: osukuba ezenza ukumkani uyamca̔sa u‐Kesare. Wati ngoko u‐Pilati akuva elilizwi, wamzisa u‐Yesu ngapandle, wahlala pantsi pezu kwesihlalo sokugweba endaweni e‐kutiwa Sisandlalwamatye, kodwa ngokwama‐Hebere yi‐Gabata: (kekaloku ibiyimini yokulungiselela yasepasikeni, neyure yanga yayeyesitandatu:) waza wati kuma‐Juda: Nanku ukumkani wenu! Kodwa adanduluka wona, esiti: Msuse, msuse, mkuruseshe yena! Wati kuwo u‐Pilati: Ndimkuruseshe ukumkani wenu na? Bati ukupendula abaperisite abakulu: Asinakumkani, sino‐Kesare kupela. Wandula ngoko wamnikela kubo, ukuze akuruseshwe.
Baza bamtabata u‐Yesu, bemka naye. Waza yena etwala ikuruse yake wapuma waya endaweni e‐kutiwa yeyenkankani, leyo kutiwa ngokwama‐Hebere yi‐Gologota; apo bamkuruseshela kona, nabanye bebabini ndawonye naye, omnye ngelicala, omnye ngeliya, u‐Yesu epakati.
Kanjako u‐Pilati waba̔la isiba̔lwa, wasibeka pezu kwayo ikuruse. Kwabekuba̔liwe ukuti: UYESU WASENAZARETE UKUMKANI WAMAJUDA. Esi isiba̔lwa ke ama‐Juda amaninzi asilesesha; ngokuba londawo ibikufupi nesixeko, apo u‐Yesu wakuruseshelwa kona: kwabekuba̔liwe ngokwama‐Hebere, nangokwama‐Girike, nangokwama‐Roma. Baye besiti ngoko abaperisite abakulu bama‐Juda ku‐Pilati: Ungaba̔li ngokuti: Ukumkani wama‐Juda; koko uti, watsho yena ukuti: Ndingukumkani wama‐Juda. Wati ukupendula u‐Pilati: Oko ndikuba̔lileyo, ndikuba̔lile.
Andula amasodati, okuya abemkuruseshile u‐Yesu, atabata izivato zake, enza izahlulo zazine, sibe sisahlulo sinye kumasodati amanye ngamanye, kwa nengubo yake yapantsi: kekaloku ingubo yake yapantsi ibe ingenamtungo, ilukiwe ipela kutabata pezulu. Ati ngoko elinye kwelinye: Masingaṙazuli yona, koko masenze amaqashiso ngayo, okuba yoba yekabanina: ukuze isiba̔lo sizaliseke, esiti: Babelana izivato zam, napezu kwengubo yam benza amaqashiso. Ezizinto ke ngoko amasodati lawo azenza.
Kekaloku kube kumi ngakuyo ikuruse ka‐Yesu unina, nodade wonina, u‐Mariya umfazi ka‐Kelopasi, no‐Mariya wase‐Magadala. Waza u‐Yesu akubona unina, nalomdisipile emi kufupi abemtanda, wati kunina: Mfazi, nanko unyana wako! Wandula wati kulomdisipile: Nanko unyoko! Waza umdisipile lowo emveni kweloxeshana wamtabatela ekayeni lake.