Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 15:1-17

UYOHANE 15:1-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo. Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi. Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni. Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum. Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto. Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe. Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe. Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke. Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam. Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke. Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe. Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona. Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

UYOHANE 15:1-17 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi. Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona. Hlalani nimanyene nam, njengokuba nam ndihleli ndimanyene nani. Kaloku isebe alinako ukuvelisa isiqhamo ngokwalo lingahlalanga limanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo ke nani aninakuvelisa siqhamo ningahlalanga nimanyene nam. “Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam. Ongahlali emanyene nam uyalahlwa, afane nesebe elilahliweyo laza loma. Amasebe anjalo ayaqokelelwa, aphoswe emlilweni atshe. Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane. Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam. Mna ndiyanithanda nina kwanjengoko uBawo andithandayo mna. Hlalani ke nikholose ngokuthandwa ndim. Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye. “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele. Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo. Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona. Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam. Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo. Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam. Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”

UYOHANE 15:1-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo. Amasebe onke akum angavelisi siqhamo, uyawasusa; Nina nihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni. Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni; aninako ukuphinda nina, ukuba anihlalanga kum. Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto. Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; bazibuthe abantu, baziphose emlilweni, zitshiswe. Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe. Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabafundi bam ngokunjalo. Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam. Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke. Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe. Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna. Ngoku ke andinibize ngokuba ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; ke mna ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona. Aninyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela ukuba nihambe nithwale isiqhamo, size nesiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, aninike. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

UYOHANE 15:1-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

MNA ndinguwo umti weveyine oyinyaniso, NOBAWO unguye umlimi. Onke amasebe akum engavelisi iziqa̔mo, wona uyawasusa: nawo onke evelisa iziqa̔mo, wona uyawahlambulula, ukuze avelise iziqa̔mo ezininzi ngakumbi. Nina nise nihlambululekile, ngetuba lelizwi endilitetileyo kuni. Hlalani kum, ndihlale nam kuni. Njengokuba isebe lingevelise iziqa̔mo ngokwalo, xeshekweni lingahlali emtini weveyine; kwa njalo nani aningevelise iziqa̔mo, xeshekweni ningahlali kum. Mna ndinguwo umti weveyine, nina ningawo amasebe: oti ahlale kum, nam ndihlale kuye, yena lo uyavelisa iziqa̔mo ezininzi; ngokuba ngapandle kwam ningenze luto. Ukuba umntu akahlali kum, uyalahlwa njengesebe, ashwabane; bati abantu bawabute, bawapose emlilweni, atshiswe ke. Ukuba niti nihlale kum, namazwi am ahlale kuni, niya kucela into enisukuba nitanda ukuyicela, naniya kwenzelwa yona. Ngako oku uyenzelwa ubungcwalisa UBAWO, ukuba nivelise iziqa̔mo ezininzi; naniya kuba ngabadisipile bam. Njengokuba enditandile mna UBAWO, nam ndinitandile nina kwa njalo: hlalani elutandweni lwam. Ukuba niyagcina imiyalelo yam, niya kuhlala elutandweni lwam; kwa njengokuba mna ndiyigcinile imiyalelo KABAWO, ndihlala nokuhlala elutandweni lwake. Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, nokuba uvuyo lwenu luzaliseke. Nguwo lo umyalelo wam, owokuba nitandane, kwa njengokuba nditandile nina. Akuko namnye onotando olukulu kulo olu, lwokokuba umntu abeke pantsi ubomi bake ngenxa yezihlobo zake. Nina nizizihlobo zam, nxa nizenza zonke izinto endiniyaleleyo. Andisatsho ukuti nizizicaka; ngokuba isicaka singazi oko ikwenzayo inkosi yaso: kodwa ndite nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endizivileyo KUBAWO ndizazisile kuni. Nina ananyula mna, koko mna ndanyula nina, ndanimisa, ukuze niye nivelise iziqa̔mo, nokuba iziqa̔mo zenu zibe nokuhlala; ukuze, oko enisukuba nikucela KUBAWO egameni lam, anipe kona. Ndiyaniyalela ezizinto, ukuze nitandane.

UYOHANE 15:1-17

UYOHANE 15:1-17 XHO75UYOHANE 15:1-17 XHO75