Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 15:1-17

UYOHANE 15:1-17 XHO96

“Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi. Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona. Hlalani nimanyene nam, njengokuba nam ndihleli ndimanyene nani. Kaloku isebe alinako ukuvelisa isiqhamo ngokwalo lingahlalanga limanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo ke nani aninakuvelisa siqhamo ningahlalanga nimanyene nam. “Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam. Ongahlali emanyene nam uyalahlwa, afane nesebe elilahliweyo laza loma. Amasebe anjalo ayaqokelelwa, aphoswe emlilweni atshe. Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane. Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam. Mna ndiyanithanda nina kwanjengoko uBawo andithandayo mna. Hlalani ke nikholose ngokuthandwa ndim. Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye. “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele. Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo. Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona. Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam. Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo. Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam. Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”