MNA ndinguwo umti weveyine oyinyaniso, NOBAWO unguye umlimi. Onke amasebe akum engavelisi iziqa̔mo, wona uyawasusa: nawo onke evelisa iziqa̔mo, wona uyawahlambulula, ukuze avelise iziqa̔mo ezininzi ngakumbi. Nina nise nihlambululekile, ngetuba lelizwi endilitetileyo kuni. Hlalani kum, ndihlale nam kuni. Njengokuba isebe lingevelise iziqa̔mo ngokwalo, xeshekweni lingahlali emtini weveyine; kwa njalo nani aningevelise iziqa̔mo, xeshekweni ningahlali kum. Mna ndinguwo umti weveyine, nina ningawo amasebe: oti ahlale kum, nam ndihlale kuye, yena lo uyavelisa iziqa̔mo ezininzi; ngokuba ngapandle kwam ningenze luto. Ukuba umntu akahlali kum, uyalahlwa njengesebe, ashwabane; bati abantu bawabute, bawapose emlilweni, atshiswe ke. Ukuba niti nihlale kum, namazwi am ahlale kuni, niya kucela into enisukuba nitanda ukuyicela, naniya kwenzelwa yona. Ngako oku uyenzelwa ubungcwalisa UBAWO, ukuba nivelise iziqa̔mo ezininzi; naniya kuba ngabadisipile bam.
Njengokuba enditandile mna UBAWO, nam ndinitandile nina kwa njalo: hlalani elutandweni lwam. Ukuba niyagcina imiyalelo yam, niya kuhlala elutandweni lwam; kwa njengokuba mna ndiyigcinile imiyalelo KABAWO, ndihlala nokuhlala elutandweni lwake. Ezizinto ndizitetile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, nokuba uvuyo lwenu luzaliseke.
Nguwo lo umyalelo wam, owokuba nitandane, kwa njengokuba nditandile nina. Akuko namnye onotando olukulu kulo olu, lwokokuba umntu abeke pantsi ubomi bake ngenxa yezihlobo zake. Nina nizizihlobo zam, nxa nizenza zonke izinto endiniyaleleyo. Andisatsho ukuti nizizicaka; ngokuba isicaka singazi oko ikwenzayo inkosi yaso: kodwa ndite nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endizivileyo KUBAWO ndizazisile kuni. Nina ananyula mna, koko mna ndanyula nina, ndanimisa, ukuze niye nivelise iziqa̔mo, nokuba iziqa̔mo zenu zibe nokuhlala; ukuze, oko enisukuba nikucela KUBAWO egameni lam, anipe kona. Ndiyaniyalela ezizinto, ukuze nitandane.