UYOHANE 13:1-17
UYOHANE 13:1-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni. Kwakubakho isidlo sangokuhlwa (akubon' ukuba uMtyholi selekufakile entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe), esazi uYesu ukuba uYise uzinikele zonke izinto ezandleni zakhe, nokuba waphuma kuThixo, esiya kuThixo: usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe, athabathe itawuli• abhinqe; aze agalele amanzi esityeni sokuhlambela, aqale ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile. Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlánjwe nguwe na iinyawo zam? Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva. Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam. Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko. Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; úhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke. Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke. Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndíyiNkosi, ndínguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.
UYOHANE 13:1-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Laliselisondele itheko *lePasika. UYesu ke wayesazi okokuba lifikile ixesha lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise. Wayesoloko ebathanda abo bangabakhe kweli hlabathi, wabathanda kwada kwaba sekugqibeleni. Ngokuhlwa uYesu nabafundi bakhe babesetafileni besitya. Umtyholi wayeselekufakile entliziyweni kaJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, okokuba angcatshe uYesu. UYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto; esazi okokuba yena uvela kuThixo, kwaye uya kuThixo. Waza ke uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli, wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile. Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba nezam iinyawo?” Waphendula uYesu wathi kuye: “Okwangoku akukayazi into endiyenzayo, kodwa uza kube uyiqonde.” Wathi kuye uPetros: “Nokuba sekutheni, ngekhe zihlanjwe nguwe iinyawo zam.” UYesu wamphendula wathi: “Ukuba andithanga ndikuhlambe, awunabudlelane nam.” Waza uSimon Petros wathi kuye: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, selundihlamba izandla nentloko.” UYesu wathi kuye: “Oselehlambe umzimba, uswele kuphela okokuba ahlanjwe iinyawo, ukuze ahlambuluke wonke. Nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.” UYesu wayeselemazi lowo uza kumngcatsha, kungoko watshoyo ukuthi abahlambulukanga bonke. Akuba uYesu ezihlambile iinyawo zabo, ephinde wasinxiba isambatho sakhe sangaphezulu, waya kuhlala phantsi, wathi kubo: “Ngaba niyayiqonda na into endiyenzileyo? Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo. Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo. Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo. Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo. Nivile ke. Hayi uyolo lwenu xa nithe nawulandela lo mzekelo.
UYOHANE 13:1-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni. Kwathi, sakuba isidlo sangokuhlwa, eselifakile umtyholi entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe. uYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, nokuba waphuma kuThixo, waya kuThixo: usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe; wathabatha itawuli, wabhinqa. Emva koko wagalela amanzi esityeni sokuhlambela, waqala ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile. Uza ke kuSimon Petros; athi kuye uPetros, Nkosi, zihlanjwe nguwe na iinyawo zam? Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; wokwazi kamva. Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam. Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko. Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke. Kuba ebemazi lowo umngcatshayo; Wathi ngenxa yoko, Anihlambulukile nonke. Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; kuba ndinjalo. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi noMfundisi; nani nifanele ukuhlambana iinyawo. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe; nalowo uthunyiweyo mkhulu kunalowo umthumileyo. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.
UYOHANE 13:1-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU ingekabiko ipasika, wati u‐Yesu, esazi ukuba lifikile ixeshana lake, lokuba emke kwelilizwe aye KUYISE, ebatandile abake abebeselizweni, wabatanda kwada kwasekupeleni. Kwaza kwakubako isidlo sokuhlwa, u‐Satane esel’ efakile nje entliziyweni ka‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone, okokuba amngcatshe, wati u‐Yesu, esazi ukuba zonke izinto uzinikile UYISE ezandleni zake, nokuba wapuma KUTIXO, nokuba uyaya KUTIXO, wesuka esidlweni sokuhlwa, wazibeka pantsi ingubo, watabata iqiya, wazibinqa. Wandula wagalela amanzi esityeni, waqala ukuhlanza inyawo zabadisipile, nokuzisula ngeqiya leyo ubebinqiwe ngayo. Wada weza ku‐Simone Petrosi: waza wati yena lowo kuye: Nkosi! wena uyahlanza inyawo zam na? Wapendula u‐Yesu wati kuye: Oko ndikwenzayo akukwazi ngoku; kodwa uya kukuqonda kamva. Wati u‐Petrosi kuye: Akusayi kuhlanza inyawo zam kwa napakade. Wati u‐Yesu ukumpendula: Xeshekweni ndingakuhlanzi, akunabukolwane nam. Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! kungabi zinyawo zam zodwa, kube zizandla nentloko nazo. Wati u‐Yesu kuye: Lowo uhlanjiweyo akasweli luto ngapezu kwokuba zihlanzwe inyawo, koko ehlambululekile epela: nani nihlambululekile, koko ningenjalo nonke. Ngokuba ebesazi lowo ubemngcatsha; kungenxa yoku wati: Anihlambululekile nonke. Xeshekweni ngoko ebehlanzile inyawo zabo, wazitabata nengubo zake, wabuya wahlala pantsi, wati kubo: Niyaqonda na into endiyenzileyo kuni? Niyandibiza ngokuti, Mfundisi, nangokuti, Nkosi: kanjako niyalungisa ukutsho: ngokuba ndinjalo. Ukuba ngoko ndizihlanzile mna inyawo zenu, ndiyinkosi nomfundisi, nifanelwe kukuti nani nihlanzelane inyawo. Ngokuba ndininikile umzekelo, ukuze niti, njengokuba ndenze mna kuni, nenje njalo nani. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Akuko sicaka esikulu kwinkosi yaso, nomtunywa omkulu kowamtumayo. Ukuba ezizinto niyazazi, ninetamsanqa xeshekweni nizenzayo.