Ivangeli ka‐Johane 13:1-17

Ivangeli ka‐Johane 13:1-17 XHO1902A

KEKALOKU ingekabiko ipasika, wati u‐Yesu, esazi ukuba lifikile ixeshana lake, lokuba emke kwelilizwe aye KUYISE, ebatandile abake abebeselizweni, wabatanda kwada kwasekupeleni. Kwaza kwakubako isidlo sokuhlwa, u‐Satane esel’ efakile nje entliziyweni ka‐Jude Sikariyoti, unyana ka‐Simone, okokuba amngcatshe, wati u‐Yesu, esazi ukuba zonke izinto uzinikile UYISE ezandleni zake, nokuba wapuma KUTIXO, nokuba uyaya KUTIXO, wesuka esidlweni sokuhlwa, wazibeka pantsi ingubo, watabata iqiya, wazibinqa. Wandula wagalela amanzi esityeni, waqala ukuhlanza inyawo zabadisipile, nokuzisula ngeqiya leyo ubebinqiwe ngayo. Wada weza ku‐Simone Petrosi: waza wati yena lowo kuye: Nkosi! wena uyahlanza inyawo zam na? Wapendula u‐Yesu wati kuye: Oko ndikwenzayo akukwazi ngoku; kodwa uya kukuqonda kamva. Wati u‐Petrosi kuye: Akusayi kuhlanza inyawo zam kwa napakade. Wati u‐Yesu ukumpendula: Xeshekweni ndingakuhlanzi, akunabukolwane nam. Wati u‐Simone Petrosi kuye: Nkosi! kungabi zinyawo zam zodwa, kube zizandla nentloko nazo. Wati u‐Yesu kuye: Lowo uhlanjiweyo akasweli luto ngapezu kwokuba zihlanzwe inyawo, koko ehlambululekile epela: nani nihlambululekile, koko ningenjalo nonke. Ngokuba ebesazi lowo ubemngcatsha; kungenxa yoku wati: Anihlambululekile nonke. Xeshekweni ngoko ebehlanzile inyawo zabo, wazitabata nengubo zake, wabuya wahlala pantsi, wati kubo: Niyaqonda na into endiyenzileyo kuni? Niyandibiza ngokuti, Mfundisi, nangokuti, Nkosi: kanjako niyalungisa ukutsho: ngokuba ndinjalo. Ukuba ngoko ndizihlanzile mna inyawo zenu, ndiyinkosi nomfundisi, nifanelwe kukuti nani nihlanzelane inyawo. Ngokuba ndininikile umzekelo, ukuze niti, njengokuba ndenze mna kuni, nenje njalo nani. Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Akuko sicaka esikulu kwinkosi yaso, nomtunywa omkulu kowamtumayo. Ukuba ezizinto niyazazi, ninetamsanqa xeshekweni nizenzayo.