Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni. Kwathi, sakuba isidlo sangokuhlwa, eselifakile umtyholi entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe. uYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, nokuba waphuma kuThixo, waya kuThixo: usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe; wathabatha itawuli, wabhinqa. Emva koko wagalela amanzi esityeni sokuhlambela, waqala ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile. Uza ke kuSimon Petros; athi kuye uPetros, Nkosi, zihlanjwe nguwe na iinyawo zam? Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; wokwazi kamva. Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam. Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko. Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; uhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke. Kuba ebemazi lowo umngcatshayo; Wathi ngenxa yoko, Anihlambulukile nonke. Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni? Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; kuba ndinjalo. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndiyiNkosi noMfundisi; nani nifanele ukuhlambana iinyawo. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenze ngako mna kuni. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe; nalowo uthunyiweyo mkhulu kunalowo umthumileyo. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.