KUMAHEBHERE 9:11-28
KUMAHEBHERE 9:11-28 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo, wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela. Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama: lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo? Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon' ukuba kubékho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade. Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo. Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungàze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo. Ekuthe ngoko nowokuqala àwasungulwa kungekho gazi. Kuba kuthe, kwakubon' ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope,• wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke; esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo. Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngokunjalo ngegazi. Kananjalo ngokomthetho ndingáde ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa. Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjulùlwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjulùlwe ngamadini alungileyo kunalawo. Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungené kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu. Kananjalo akangenanga ukuze azisondeze futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into; okanye angé emelwe kukuba abe ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini. Ke kwanjengokuba ke abantu bemiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo: ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi, uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
KUMAHEBHERE 9:11-28 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kodwa selefikile ngoku uKrestu, umbingeleli omkhulu wezinto ezintle ezikhoyo. Intente angena kuyo yena inkulu, iyayigqwesa eyomnqophiso wokuqala. Yona ayenziwanga mntu. Ndithetha ukuthi asiyiyo yeli hlabathi lidaliweyo. Igazi ledini asililo leebhokwe namathole, ligazi lakhe buqu. Kungoko ke wangenayo kwaba kanye kuphela kweyona ingcwele indawo, wasizuzela inkululeko yamaxesha onke. Ukuba kaloku kwakusenzeka ukuba abantu bahlanjululwe izisihla ngokutshizwa ngegazi leebhokhwe neleenkomo nangothuthu lwethokazi, ingakanani ke yona inkululeko esiyifumana ngegazi likaKrestu? Yena wazinikela kuThixo emsulwa, ngoMoya ongunaphakade, wazenza idini. Ligazi lakhe eliya kuzihlambulula ezethu izazela emisebenzini efileyo, lisenze sikulungele ukukhonza uThixo ophilayo. Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala. Ke, apho kukho umyolelo kufuneka icace into yokuba umyoleli ufile. Kaloku umyolelo awusebenzi xa esaphila umyoleli; kuphela usebenza akuba efile. Seso sizathu ke esabangela ukuba nowokuqala umnqophiso usungulwe ngegazi. UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu, esithi: “Eli ligazi lomnqophiso aniwisele wona uThixo.” Kwangokunjalo wayifefa intente ababekhonzela kuyo, nazo zonke izitya ezazisetyenziswa kuyo. Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono. Ngoko ke ezi zinto zahlanjululwa ngolu hlobo. Kaloku zona ziyimifanekiso yezinto zokwenene ezisezulwini. Kodwa ke zona ezo zisezulwini zihlanjululwa ngamadini angcono. Kaloku uKrestu le ndawo ingcwele angene kuyo ayenziwanga ngumntu, futhi ayingomfanekiso; koko ungene ezulwini phakathi. Ngoku umi khona phambi koThixo; uyasithethelela. Yena akaphinda-phindi ukuzinikela njengombingeleli omkhulu ongena endaweni engcwele minyaka le negazi elingelilo nelakhe. Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu. Umntu ngamnye ufa kube kanye, emva koko agwetywe. Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.
KUMAHEBHERE 9:11-28 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kodwa uKristu, ethe weza, engumbingeleli omkhulu wezinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongekuko oku kwakhiwa; wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengagazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wasizuzela inkululeko engunaphakade ngokusihlawulela. Kuba, xa igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa oyinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama; Lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo? Ngoko ke ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’, ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade. Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo. Kaloku umnqophiso uqiniseka bakuba befile, okanye awuba namandla xenikweni asadla ubomi umyoleli. Ngoko ke nowokuqala umnqophiso awusungulwanga ngaphandle kwegazi. Kuba kuthe, akuwuthetha uMoses umthetho wonke ngokomthetho ebantwini bonke, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wayifefa incwadi, kwanabantu bonke; esithi, Eli ligazi lomnqophiso aniwisele umthetho ngawo uThixo. Nomnquba ke, nazo zonke iimpahla zombuso, wazifefa ngegazi. Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho kuxolelwa. Kwafuneka ngoko, ukuba okunene izizekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo; zona zona ezo zinto zasemazulwini, zinamadini alungileyo kunalawo. Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu. Kwakungekho ukuze azinikele futhi, njengokuba umbingeleli omkhulu ebengena kweyona ngcwele iminyaka ngeminyaka, enegazi lenye into; Ange ebemelwe kukuba ebeve ubunzima futhi, kuseloko lasekwayo ihlabathi. Ke uthe ngoku, ekufinyezweni kwawo amaphakade, wabonakalaliswa kwaba kanye, ukuba atshitshise isono ngelilelakhe idini. Kwanjengokuba ke abantu bamiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo; ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi; uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
KUMAHEBHERE 9:11-28 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa u‐Kristu efikile nje engumperisite omkulu wezinto ezilungileyo eziza kuza, ute ngayo itabanakele enkulu efezekileyo ngakumbi, ingenziwanga ngezandla, oko kukuti, ingeyeyako okukudalwa, kungengalo igazi lebokwe nelamatole, kodwa kungalo elake igazi, wangena kwa kanye kweyingcwele indawo, ezuzile inkululo engunapakade. Ngokuba igazi lenkabi nebokwe, notutu lwetokazi lufefa abanco̔lileyo, ukuba oku kuyahlanza kube kukuhlanjululwa kwenyama; kwoba kangakananina ngakumbi liya kuti igazi lika‐Kristu, owati NGOMOYA ongunapakade wazinikela emsulwa KUTIXO, lihlambulule isazeliso senu emisebenzini efileyo, nize nimkonze UTIXO ohleliyo? Kanjalo ngenxa yoku ungumlamli wocebano olutsha, ukuba ke, ukufa kwenzelwe nje ukululwa lwezigqito ezibe zipantsi kwocebano lwokuqala, abo babiziweyo bamkele ukudliwa kwedinga lelifa elingunapakade. Ngokuba apo sikona isiyolelo, kufanelekile ukuba kuhle ukufa kwomyoleli: ngokuba isiyolelo siqinisekile bakuba abantu befile; ekubeni singaki sibe namandla okuya asahleli umyoleli. Kukona nalo ucebano lwokuqala lungatwasiswanga lungenagazi: ngokuba xeshekweni bekutetiwe yonke imiyalelo ngokwomteto ngu‐Mosesi kubo bonke abantu, wati etabatile igazi lamatole nebokwe, ndawonye namanzi, noboya begusha obubomvu, nehisope, wafefa kwa yona incwadi nabo bonke abantu, esiti: Lilo eli igazi locebano eniluyalezelweyo NGUTIXO. Nayo itabanakele, nazo zonke impahla zesikonzo, wazifefa ngegazi kwa ngokunjalo. Kanjako kuza kuba zizinto zonke ezihlanjulwayo ngegazi ngokwomteto; nangapandle kwokupalazwa kwegazi akuko uxolelo. Bekufanelekile ngoko ukuba izifanekiso zezinto ezisezulwini zihlanjululwe ngezizinto, kodwa zona ezasezulwini ngamadini alungileyo ngakumbi pezu kwawo la. Ngokuba u‐Kristu engangenanga kweyingcwele indawo eyenziweyo ngezandla, esisifanekiselo seyinyaniso, koko engene kwa kulo izulu, ukuti kaloku abonakale ebusweni BUKATIXO ngenxa yetu: engangenanga kanjalo ukuba azinikele futi, njengokuba umperisite omkulu engena kweyingcwele indawo iminyaka ngeminvaka enegazi elingelelake; ngokuba oko ngeeba evile intlungu futi kutabata ekumisweni kwelizwe: kodwa kaloku ute kanye ekugqityelweni kwamaxesha wabonakaliselwa ukubujiswa kwesono ngokuzenza idini. Kanjako njengokuba kumiselwa abantu bafe kube kanye, nasemveni kwoko kubeko ukugwetywa; kwa njalo u‐Kristu, enikelwe nje kanye ukuba atwale isono sabaninzi, wobonakala ngokwesibini engenasono lube lusindiswa kubo abo bamlindayo.