Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 9

9
1Kekaloku nalo olwokuqala ke lwalunezimiselo zesikonzo, nendawo eyingcwele yasemhlabeni. 2Ngokuba itabanakele ibilungisiwe, eyokuqala, ekuyo bekuko ikandelare, netafile, nezonka zokubonakala; e‐kutiwa yeyingcwele. 3Nasemva kwekuselo lesibini bekuko itabanakele e‐kutiwa yeyingcwele, yezingcwele, 4inesiqu̔melo segolide, netyeya yocebano ifakiwe igolide ngamacala onke, ekuyo bekuko isitya segolide sinayo imana, nentonga ka‐Arone eyahlumayo, namacwecwe ocebano; 5napezulu pezu kwayo bekuko ikerubime zobungcwalisa zisibekelela isihlalo sofefe: izinto ekungetetwe ngazo kaloku indawo ngendawo.
6Kekaloku ezizinto zilungisiwe njalo nje, bahlala besiya kweyokuqala itabanakele abaperisite besenza izikonzo zabo; 7kodwa kweyesibini uya kanye emnyakeni mnye umperisite omkulu yedwa, engangeni engenalo igazi, alinikelayo ngenxa yake, nangenxa yeziposo zabantu: 8umoya oyingcwele ekubonakalisa nje oku, ukuba indlela yeyingcwele yezingcwele ingekatyilwa, xeshekweni itabanakele yokuqala isenokuma: 9engumfanekiselo ngenxa yexesha elikoyo, elo kunikelwa iminikelo namadini ngalo, izinto ezingemfezekiseyo ngokwesazeliso lowo ukonzayo: 10ezimiyo kupela pezu kwezinto zokudla, nezokusela, nentlambo ngentlambo, nokugwetyelwa kwenyama, zibekelwa kude kube lixesha lokulungisa.
11Kodwa u‐Kristu efikile nje engumperisite omkulu wezinto ezilungileyo eziza kuza, ute ngayo itabanakele enkulu efezekileyo ngakumbi, ingenziwanga ngezandla, oko kukuti, ingeyeyako okukudalwa, 12kungengalo igazi lebokwe nelamatole, kodwa kungalo elake igazi, wangena kwa kanye kweyingcwele indawo, ezuzile inkululo engunapakade. 13Ngokuba igazi lenkabi nebokwe, notutu lwetokazi lufefa abanco̔lileyo, ukuba oku kuyahlanza kube kukuhlanjululwa kwenyama; 14kwoba kangakananina ngakumbi liya kuti igazi lika‐Kristu, owati ngomoya ongunapakade wazinikela emsulwa kutixo, lihlambulule isazeliso senu emisebenzini efileyo, nize nimkonze utixo ohleliyo?
15Kanjalo ngenxa yoku ungumlamli wocebano olutsha, ukuba ke, ukufa kwenzelwe nje ukululwa lwezigqito ezibe zipantsi kwocebano lwokuqala, abo babiziweyo bamkele ukudliwa kwedinga lelifa elingunapakade. 16Ngokuba apo sikona isiyolelo, kufanelekile ukuba kuhle ukufa kwomyoleli: 17ngokuba isiyolelo siqinisekile bakuba abantu befile; ekubeni singaki sibe namandla okuya asahleli umyoleli. 18Kukona nalo ucebano lwokuqala lungatwasiswanga lungenagazi: 19ngokuba xeshekweni bekutetiwe yonke imiyalelo ngokwomteto ngu‐Mosesi kubo bonke abantu, wati etabatile igazi lamatole nebokwe, ndawonye namanzi, noboya begusha obubomvu, nehisope, wafefa kwa yona incwadi nabo bonke abantu, 20esiti: Lilo eli igazi locebano eniluyalezelweyo ngutixo. 21Nayo itabanakele, nazo zonke impahla zesikonzo, wazifefa ngegazi kwa ngokunjalo. 22Kanjako kuza kuba zizinto zonke ezihlanjulwayo ngegazi ngokwomteto; nangapandle kwokupalazwa kwegazi akuko uxolelo.
23Bekufanelekile ngoko ukuba izifanekiso zezinto ezisezulwini zihlanjululwe ngezizinto, kodwa zona ezasezulwini ngamadini alungileyo ngakumbi pezu kwawo la. 24Ngokuba u‐Kristu engangenanga kweyingcwele indawo eyenziweyo ngezandla, esisifanekiselo seyinyaniso, koko engene kwa kulo izulu, ukuti kaloku abonakale ebusweni bukatixo ngenxa yetu: 25engangenanga kanjalo ukuba azinikele futi, njengokuba umperisite omkulu engena kweyingcwele indawo iminyaka ngeminvaka enegazi elingelelake; 26ngokuba oko ngeeba evile intlungu futi kutabata ekumisweni kwelizwe: kodwa kaloku ute kanye ekugqityelweni kwamaxesha wabonakaliselwa ukubujiswa kwesono ngokuzenza idini. 27Kanjako njengokuba kumiselwa abantu bafe kube kanye, nasemveni kwoko kubeko ukugwetywa; 28kwa njalo u‐Kristu, enikelwe nje kanye ukuba atwale isono sabaninzi, wobonakala ngokwesibini engenasono lube lusindiswa kubo abo bamlindayo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena