KUMAHEBHERE 10:24-25
KUMAHEBHERE 10:24-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:24-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:24-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:24-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo: singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.