KUMAHEBHERE 10:23-25
KUMAHEBHERE 10:23-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Silubambe uvumo lwethu lokholo, singabi nakuxengaxenga; (kuba uthembekile lowo uthembisileyo); Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:23-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga. Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:23-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo. Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:23-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Silubambe uvumo lwethu lokholo, singabi nakuxengaxenga; (kuba uthembekile lowo uthembisileyo); Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:23-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
siti imvumelo yetemba letu siqinise ukuyibamba ingenakushukuma; ngokuba enyanisekile lowo owabeka amadinga: siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo: singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.