KUMAHEBHERE 10:19-25
KUMAHEBHERE 10:19-25 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha, ephilileyo, awayisungulela thina, iphumela esikhuselweni, oku kukuthi, enyameni yakhe; sínombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo: masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sínenzaliseko yokholo, sífefiwe iintliziyo zethu, sísusiwe isazela esingendawo. Masithi, sihlanjiwe nje umzimba ngamanzi amhlophe, silubambe uvumo lwethu lwethemba, lungabi nakuxengaxenga; kuba uthembekile lowo wabeka ngedinga. Kanjalo masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, njengesiko labanye. Masivuselelane kube kokukhona, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:19-25 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ke, bazalwana, ekubeni sinobuganga bokungena kweyona ngcwele, ngegazi likaYesu; Ngendlela entsha, ephilileyo, athe wayilungiselela thina, ephumela ekhusini, oko kukuthi, inyama yakhe; Sinombingeleli omkhulu nje phezu kwendlu kaThixo; masisondele sinentliziyo eyinyaniso, sinenzaliseko yokholo, sifefiwe iintliziyo zethu, sisusiwe isazela esingendawo, nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. Silubambe uvumo lwethu lokholo, singabi nakuxengaxenga; (kuba uthembekile lowo uthembisileyo); Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile; masivuselelane ngokungakumbi, niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:19-25 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke, mawethu, igazi likaYesu lisikhulule ukuze singene kweyona ndawo ingcwele singenaloyiko. Le ndlela asivulele yona intsha, futhi iyaphila, ihamba iphumele ngaphaya kwekhuselo, ndithetha umzimba wakhe. Ngaphezu koko ke sinombingeleli omkhulu owongamele indlu kaThixo. Ngoko ke masisondele sinyanisekile kuThixo, siqinisekile ngokholo, izazela zethu ezinobutyala zihlanjululwe, ngokunjalo nemizimba yethu ihlanjwe ngamanzi amsulwa. Masithi nca kwisivumo seli themba sinalo; kaloku unyanisekile lowo usithembisileyo. Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.
KUMAHEBHERE 10:19-25 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGAKO ke, bazalwana! sinalo nje ukalipo lwokungena kweyingcwele indawo sinegazi lika‐Yesu, ngendlela entsha epilileyo asitwasisele yona, ngalo ikuselo, oko kukuti, inyama yake; sinomperisite omkulu nje pezu kwendlu KATIXO kanjako; masisondele sinentliziyo yenyaniso ekuqiniseni okuzalisekileyo kwokolo, sihlanziwe intliziyo zetu eluvalweni olukohlakeleyo, nomzimba sihlanjiwe ngamanzi amhlope: siti imvumelo yetemba letu siqinise ukuyibamba ingenakushukuma; ngokuba enyanisekile lowo owabeka amadinga: siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo: singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.