NGAKO ke, bazalwana! sinalo nje ukalipo lwokungena kweyingcwele indawo sinegazi lika‐Yesu, ngendlela entsha epilileyo asitwasisele yona, ngalo ikuselo, oko kukuti, inyama yake; sinomperisite omkulu nje pezu kwendlu KATIXO kanjako; masisondele sinentliziyo yenyaniso ekuqiniseni okuzalisekileyo kwokolo, sihlanziwe intliziyo zetu eluvalweni olukohlakeleyo, nomzimba sihlanjiwe ngamanzi amhlope: siti imvumelo yetemba letu siqinise ukuyibamba ingenakushukuma; ngokuba enyanisekile lowo owabeka amadinga: siti kanjalo sikumbulelane ukuba sivuselele utando nemisebenzi elungileyo: singashiyi nje ukuzihlanganisana kwetu, njengokuba linjalo isiko lenxenye, koko siyalana: nisenje njalo kakulu ngakumbi, njengoko nibonayo ukuba umhla uyasondela.
Funda Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 10
Share
Compare All Versions: Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 10:19-25
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos