KUMAGALATI 5:16-17
KUMAGALATI 5:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.
KUMAGALATI 5:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. Kaloku inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.
KUMAGALATI 5:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala. Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.
KUMAGALATI 5:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku nditi: Hambani NGOMOYA, naye ningayi kwandula inkanuko yenyama niyifeze. Ngokuba yona inyama ikanukela ngakuye UMOYA, naye UMOYA ekanukela ngakuyo inyama: ezi ke ziyapambana enye nenye, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nitanda ukwenza zona.