UEZRA 2:68-69
UEZRA 2:68-69 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo. Banikela ngoko konke ababenako ebuncwaneni bomsebenzi: igolide yangamawaka amashumi amathandathu, anawaka linye eedarike,• nesilivere yangamawaka amahlanu eemina,• nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli.
UEZRA 2:68-69 IBHAYIBHILE (XHO96)
Bakufika endlwini kaNdikhoyo eJerusalem ezinye zeenkulu zezindlu zakhupha umnikelo ngokuqhutywa yintliziyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo esizeni sayo. Banikela ngokwamandla abo kuvimba, bagalela igolide ebunzima buziikhilogram ezimakhulu mahlanu, kunye nesiliva ebunzima buziikhilogram ezimawaka mabini namakhulu asibhozo, kunye nekhulu leminweba yababingeleli.
UEZRA 2:68-69 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke inxenye yeentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli zabe zisendlwini kaYehova eYerusalem, zazibingelela imibingelelo endlwini kaThixo, ukuba ime endaweni yayo. Banikela ebuncwaneni bomsebenzi igolide engamawaka amashumi amathandathu, nesilivere yangamawaka amahlanu eemina, nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli, ngokwamandla abo.
UEZRA 2:68-69 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bati abazintloko zendlu zoyise inxenye, bakufika endlwini KAYEHOVA ese‐Yerusaleme, banikela indlu KATIXO ngokuvuma, ukuba imiswe endaweni yayo: banika ngamandla abo endyetyeni yomsebenzi, idarike zegolide zaliwaka linye elinamashumi matandatu, nemina zesilivere zamawaka mahlanu, nengubo zabaperisite zalikulu linye.