UEZRA 2

2
Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo
(Neh 7:6-69)
1Naba ke abantu bephondo lakwaJuda abâkhululwáyo ekuthinjweni kwelaseBhabheli, okuya babethinjwe ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ke kaloku babuyela eJerusalem nakwaJuda, elowo waya kwidolophu yakowabo. 2Babekhokelwe nguZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uSeraya, uRelaya, uModekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigwayi, uRewum, noBhana.
Nalu ke uludwe lwamaSirayeli awabuyayo ndawonye namanani awo:
3inzala kaParoshe 2 172
4ekaShefatiya 372
5eka-Ara 775
6ekaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 812
7ekaElam 1 254
8ekaZatu 945
9ekaZakayi 760
10ekaBhani 642
11ekaBhebhayi 623
12eka-Azegadi 1 222
13eka-Adonikam 666
14ekaBhigwayi 2 056
15eka-Adin 454
16eka-Atere ngoHezekiya 98
17ekaBhezayi 323
18ekaYora 112
19ekaHashum 223
20ekaGibhare 95
21abantu baseBhetelehem 123
22abaseNetofa 56
23abaseAnatoti 128
24abaseAzemavete 42
25abaseKiriyati-yarim, eKefira, naseBheroti 743
26abaseRama naseGebha 621
27abaseMikimashe 122
28abaseBhetele naseAyi 223
29abaseNebho 52
30abaseMagebhishe 156
31abenye iElam 1 254
32abaseHarim 320
33abaseLodi, iHadide, neOno 725
34abaseJeriko 345
35abaseSena 3 630
36Ababingeleli:
inzala kaYedaya ngendlu kaYeshuwa 973
37ekaImere 1 052
38ekaPashure 1 247
39ekaHarim 1 017
40AbaLevi:
inzala kaYeshuwa noKademiyeli ngomlibo kaHodaviya 74
41Iimvumi:
inzala ka-Asafu 128
42Abalindi-masango endlu kaThixo:
inzala kaShalum, uAtere, uTalemon, uAkubhi, uHatita, noShobhayi 139
43Izicaka zendlu kaThixo:
inzala kaZiya, uHasufa, uTabhayoti,44uKerose, uSiyaha, uPadon,45uLebhana, uHagabha, uAkubhi,46uHagabhi, uShalemayi, uHanan,47uGidele, uGahare, uRaya,48uRezin, uNekoda, uGazam,49u-Uza, uPaseya, uBhesayi,50uAsna, uMewunim, uNefusim,51uBhakebhuki, uHakufa, uHarure,52uBhazeluti, uMehida, uHasha,53uBhakose, uSisera, uTama,54uNeziya, noHatifa
55Inzala yezicaka zikaSolomon:
inzala kaSotayi, uSoferete, uPeruda,56uYala, uDakon, uGidele,57uShefatiya, uHatili, uPokerete-zebhayim, noAmi58Izicaka zendlu kaThixo nenzala yezicaka zikaSolomon 392
59Aba balandelayo babesuka kwiidolophu zaseTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdan, naseImere; kambe ke ababanga nako ukuluvelisa uludwe lwemilibo yezindlu zabo kwaSirayeli:
60inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 652
61Ke kwinzala yababingeleli:
inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)
62Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza. 63Ke umlawuli wayalela ukuba bangatyi mpela kwizinto ezingcwele, kude kubekho umbingeleli obalungiselelayo *ngeeurim neethumim.
64Bebonke babengamashumi amane anambini amawaka namakhulu amathathu anamashumi amathandathu, 65ngaphandle kwamawaka asixhenxe anamakhulu mathathu, mashumi mathathu anesixhenxe ezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo. Ngokunjalo babeneemvumi ezingamakhulu amabini amadoda nababhinqileyo.
66Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu; 67iinkamela zingamakhulu amane mashumi mathathu nantlanu; iidonki zona zisisithandathu samawaka, amakhulu asixhenxe mashumi mabini.
68Bakufika endlwini kaNdikhoyo eJerusalem ezinye zeenkulu zezindlu zakhupha umnikelo ngokuqhutywa yintliziyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo esizeni sayo. 69Banikela ngokwamandla abo kuvimba, bagalela igolide ebunzima buziikhilogram ezimakhulu mahlanu, kunye nesiliva ebunzima buziikhilogram ezimawaka mabini namakhulu asibhozo, kunye nekhulu leminweba yababingeleli.
70Ke kaloku ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, bebonke baya kuma kwiidolophu zakumawabo, ndawonye nabanye abantu. Kananjalo ke nabanye abangamaSirayeli bema ngokweedolophu zakomawabo.

Currently Selected:

UEZRA 2: XHO96

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena