U‐Ezera 2

2
1LULO olu usapo lwaselizwaneni olwanyukayo kubo abatinjwa abebefudusiwe, abo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ebebafudusele e‐Babilone, lwabuya lweza e‐Yerusaleme nakwa‐Juda, olunye ngolunye esixekweni sakowalo; 2olwezayo no‐Zerubabeli:
U‐Yoshuwa, u‐Nehemiya, u‐Seraya, u‐Rehelaya, u‐Modekai, u‐Bilishane, u‐Misipare, u‐Bigivai, u‐Rehumi, u‐Bahana.
Inani lamadoda abantu bakwa‐Sirayeli: 3Usapo luka‐Paroshe, ngamawaka mabini anekulu linye elinamashumi asixe̔nxe anesibini. 4Usapo luka‐Shefatiya, ngamakulu matatu anamashumi asixe̔nxe anesibini. 5Usapo luka‐Arahi, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi asixe̔nxe anesihlanu. 6Usapo luka‐Pahati‐mowabi, olwosapo luka‐Yoshuwa no‐Jowabi, ngamawaka mabini anamakulu asibozo aneshumi linesibini. 7Usapo luka‐Helami, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mahlanu anesine. 8Usapo luka‐Zatu, ngamakulu alitoba anamashumi mane anesihlanu. 9Usapo luka‐Zakai, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi matandatu. 10Usapo luka‐Bani, ngamakulu matandatu anamashumi mane anesibini. 11Usapo luka‐Bebai, ngamakulu matandatu anamashumi mabini anesitatu. 12Usapo luka‐Hazegadi, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mabini anesibini. 13Usapo luka‐Adonikame, ngamakulu matandatu anamashumi matandatu anesitandatu. 14Usapo luka‐Bigivai, ngamawaka mabini anamashumi mahlanu anesitandatu. 15Usapo luka‐Hadine, ngamakulu mane anamashumi mahlanu anesine. 16Usapo luka‐Atere, oluka‐Hezekiya, ngamashumi alitoba anesibozo. 17Usapo luka‐Betsai, ngamakulu matatu anamashumi mabini anesitatu. 18Usapo luka‐Yora, likulu linye elineshumi linesibini. 19Usapo luka‐Hashumi, ngamakulu mabini anamashumi mabini anesitatu. 20Usapo lwase‐Gibari, ngamashumi alitoba anesihlanu. 21Usapo lwase‐Beteleheme, likulu linye elinamashumi mabini anesitatu. 22Amadoda ase‐Netofati, ngamashumi mahlanu anesitandatu. 23Amadoda ase‐Hanatote, likulu linye elinamashumi mabini anesibozo. 24Usapo lwase‐Hazamaveti, ngamashumi mane anesibini. 25Usapo lwase‐Kiriyate‐yarime, ne‐Kefira, ne‐Berote, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi mane anesitatu. 26Usapo lwase‐Rama ne‐Gaba, ngamakulu matandatu anamashumi mabini anesinye. 27Amadoda ase‐Mikimasi, likulu linye elinamashumi mabini anesibini. 28Amadoda ase‐Betele ne‐Hahai, ngamakulu mabini anamashumi mabini anesitatu. 29Usapo lwase‐Nebo, ngamashumi mahlanu anesibini. 30Usapo lwase‐Magebisha, likulu linye elinamashumi mahlanu anesitandatu. 31Usapo luka‐Helami wumbi, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mahlanu anesine. 32Usapo luka‐Harime, ngamakulu matandatu anamashumi mabini. 33Usapo lwase‐Lodi, ne‐Hadidi, ne‐Ono, ngamakulu asixe̔nxe anamashumi mabini anesihlanu. 34Usapo lwase‐Jeriko, ngamakulu matatu anamashumi mane anesihlanu. 35Usapo lwase‐Senaha, ngamawaka matatu anamakulu matandatu anamashumi matatu.
36Abaperisite: usapo luka‐Yedaya, olwendla ka‐Yoshuwa, ngamakulu alitoba anamashumi asixe̔nxe anesitatu. 37Usapo luka‐Yimeri, liwaka linye elinamashumi mahlanu anesibini. 38Usapo luka‐Pashure, liwaka linye elinamakulu mabini anamashumi mane anesixe̔nxe. 39Usapo luka‐Harime, liwaka linye elineshumi linesixe̔nxe.
40Aba‐Levi: usapo luka‐Yoshuwa no‐Kadimele, olwosapo luka‐Hodaviya, ngamashumi asixe̔nxe anesine.
41Abaculi: usapo luka‐Safa, likulu linye elinamashumi mabini anesibozo.
42Usapo lwabalindimnyango: usapo luka‐Shalume, usapo luka‐Atere, usapo luka‐Talimone, usapo luka‐Hakube, usapo luka‐Hatita, usapo luka‐Shobai: olu lwonke, likulu linye elinamashumi matatu anetoba.
43Aba‐Netini: usapo luka‐Tsiha, usapo luka‐Hasufa, usapo luka‐Tabahoti, 44usapo luka‐Kerosi, usapo luka‐Siha, usapo luka‐Padoni, 45usapo luka‐Lebana, usapo luka‐Hagaba, usapo luka‐Hakube, 46usapo luka‐Hagabi, usapo luka‐Shalemai, usapo luka‐Hanane, 47usapo luka‐Gidele, usapo luka‐Gahari, usapo luka‐Rehaya, 48usapo luka‐Retsine, usapo luka‐Nekoda, usapo luka‐Gazame, 49usapo luka‐Huza, usapo luka‐Paseha, usapo luka‐Besai, 50usapo luka‐Asena, usapo luka‐Mehunime, usapo luka‐Nefusime, 51usapo luka‐Bakebuke, usapo luka‐Hakufa, usapo luka‐Harehure, 52usapo luka‐Batseluti, usapo luka‐Mehida, usapo luka‐Haresha, 53usapo luka‐Barekosi, usapo luka‐Sisera, usapo luka‐Tama, 54usapo luka‐Netsiha, usapo luka‐Hatifa. 55Usapo lwezicaka zika‐Solomone: usapo luka‐Sotai, usapo luka‐Soferete, usapo luka‐Peruda, 56usapo luka‐Yahala, usapo luka‐Darekone, usapo luka‐Gidele, 57usapo luka‐Shefatiya, usapo luka‐Hatili, usapo luka‐Pokerete‐tsebayime, usapo luka‐Ami. 58Bonke aba‐Netini, nosapo lwezicaka zika‐Solomone, ngamakulu matatu anamashumi alitoba anesibini.
59Kanjalo aba ngabanyukayo e‐Tele‐mela, nasee‐Tele‐haresha: u‐Kerube, u‐Adoni, u‐Yimeri: kodwa bakohlwa kuxela indlu yoyise yabo, nesizalwane sabo, ukuba bangabakwa‐Sirayeli na. 60Usapo luka‐Delaya, usapo luka‐Tobiya, usapo luka‐Nekoda, ngamakulu matandatu anamashumi mahlanu anesibini.
61Nakulo usapo lwabaperisite: onyana baka‐Habaya, onyana baka‐Kotse, onyana baka‐Barezilai, owazeka umfazi kwintombi zika‐Barezilai um‐Gileyadi, wabizwa ngegama lazo: 62aba bafuna ukuba̔lelwa kwabo pakati kwababa̔lelweyo ngokuzalwa, kodwa abafunyanwa: ngako bashenxiswa kubo ubuperisite njengabanco̔lileyo. 63Yayisiti kubo inkosi enkulu, ukuba mabangatyi kwizinto ezingcwele kakulu, kude kusuke umperisite ene‐Urime ne‐Tumime.
64Yonke intlanganiso kwa kunye ibingamawaka amashumi mane enesibini anamakulu matatu anamashumi matandatu, 65ngapandle kwezicaka zabo nezicakakazi zabo, ezibe zingamawaka asixe̔nxe anamakulu matatu anamashumi matatu anesixe̔nxe: bebenabaculi nabaculikazi abangamakulu mabini kanjako. 66Amahashe abo ebengamakulu asixe̔nxe anamashumi matatu anesitandatu; amaqwaṙaṙa abo ebengamakulu mabini anamashumi mane anesihlanu; 67inkamela zabo bezingamakulu mane anamashumi matatu anesihlanu; amaqwaṙashe abo ebengamawaka matandatu anamakulu asixe̔nxe anamashumi mabini.
68Bati abazintloko zendlu zoyise inxenye, bakufika endlwini kayehova ese‐Yerusaleme, banikela indlu katixo ngokuvuma, ukuba imiswe endaweni yayo: 69banika ngamandla abo endyetyeni yomsebenzi, idarike zegolide zaliwaka linye elinamashumi matandatu, nemina zesilivere zamawaka mahlanu, nengubo zabaperisite zalikulu linye.
70Bada abaperisite, naba‐Levi, nenxenye yabantu, nabaculi, nabalindimnyango, naba‐Netini, bahlala ezixekweni zakowabo; no‐Sirayeli bonke ezixekweni zabo.

Currently Selected:

U‐Ezera 2: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena