U‐Ezera 1
1
ISAHLUKO I.
1KEKALOKU ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuze kufezwe ilizwi likayehova ngomlomo ka‐Jeremiya, wawuvusa uyehova umoya ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuba walidlulisa ilizwi kubo bonke ubukumkani bake, esenje njalo nangesiba̔lo kanjako, esiti: 2Utsho u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya ukuti: Bonke ubukumkani bomhlaba ndibunikiwe nguyehova, utixo wezulu; kanjalo yena undiyalezele ukumakela indlu e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda. 3Ngubanina pakati kwenu ovumayo kubo bonke abantu bake? utixo wake makabe naye, enyuke aye e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda, ayake indlu kayehova, utixo wo‐Sirayeli, (nguye lo utixo,) ese‐Yerusaleme. 4Nosukuba esele komnye umzi apo apambukele kona, makati amadoda omzi wake amncede ngesilivere, nangegolide, nangempahla, nangezilo, kunye nomnikelo wesisa ngenxa yayo indlu katixo ese‐Yerusaleme.
5Bandula besuka abazintloko zendlu zoyise zo‐Juda no‐Benjamine, nabaperisite, naba‐Levi, kunye nabo bonke abevusile utixo umoya wabo, ukuba benyuke baye ukuyaka indlu kayehova ese‐Yerusaleme. 6Baza bonke ababangqongayo, bazomeleza izandla zabo ngezinto zesilivere, ngegolide, ngempahla, nangezilo, nangezinto ezinqabileyo, ngapandle kwako konke obekunikwa ngesisa.
7Kanjalo ukumkani u‐Koreshe wazikupa impahla zendlu kayehova, ezo u‐Nebukanetsare ubezipumisile e‐Yerusaleme, wazibeka endlwini yotixo bake; 8kwa zona u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya wazikupa, ngapantsi kwesandla sika‐Mitredati umgcinindyebo, owazibalela ku‐Sheshebatsare, inkosi yo‐Juda. 9Lilo eli inani lazo: izitya zegolide ezimashumi matatu, izitya zesilivere eziliwaka, izitshetshe ezimashumi mabini anetoba, 10ibekile zegolide ezimashumi matatu, ibekile zesilivere zohlobo lumbi ezimakulu mane aneshumi linye, ezinye impahla eziliwaka: 11zonke impahla zegolide nezesilivere zibe zingamawaka mahlanu anamakulu mane. Ezi zonke u‐Sheshebatsare wazinyusa nabatinjwa abebenyuswa e‐Babilone ukuya e‐Yerusaleme.
Currently Selected:
U‐Ezera 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.