UEZRA 10:1
UEZRA 10:1 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.
UEZRA 10:1 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke kaloku ngoku athandazayo uEzra evuma izono, elila egqusha phantsi phambi kwendlu kaThixo, kwabakho isihlwele samaSirayeli esaqokelelana kuye – amadoda, abafazi, nabantwana. Babelila ngokubindeka okukhulu.
UEZRA 10:1 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, walila, equbudile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, bevela kwaSirayeli; balila ngokukrakra abantu.
UEZRA 10:1 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku xeshekweni ebetandazile u‐Ezera, naxeshekweni ebexele oku, elila eziwisa pantsi ngapambi kwayo indlu KATIXO, kwandul’ ukubutelana ngakuye ko‐Sirayeli intlanganiso enkulu kunene, amadoda, nabafazi, nabantwana: ngokuba abantu balila ngokulila okukulu.