UEZRA 10
10
Abafazi bezinye iintlanga bayakhutshwa
1Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.
2Waphendula uShekaniya unyana kaYehiyeli, owoonyana bakaElam, wathi kuEzra, Senzé ubumenemene kuThixo wethu, sazeka abafazi bezinye iintlanga ezizweni zelizwe eli; kodwa kusekho ithemba kumaSirayeli ngale nto. 3Masimenzele ngoku umnqophiso uThixo wethu, wokuba sibakhuphe bonke abafazi nabazelwe ngabo, ngokwecebo lenkosi yam, nelabagubhela imithetho yoThixo wethu; makwenziwe ngokomyalelo. 4Vuka, ngokuba le nto iphezu kwakho; singakuwe; yomelela, wenze.
5Wavuka uEzra, wabafungisa abathetheli bababingeleli, nababaLevi, nabamaSirayeli onke, ukuba benze ngokwelo lizwi; bafunga ke. 6Wesuka uEzra phambi kwendlu kaThixo, wangena egumbini likaYohanan unyana kaEliyashibhi. Wathi akufika khona, akadla sonka, akasela manzi; ngokuba ubesenza isijwili ngenxa yobumenemene babo bafuduswáyo. 7Bahambisa ilizwi kwaYuda naseYerusalem, kubo bonke oonyana basemfudusweni, lokuba babuthelane eYerusalem; 8bathi; bonke abathe àbeza ngesithuba semihla emithathu, ngokwecebo labathetheli nelamadoda amakhulu, mayisingelwe phantsi yonke impahla yabo; ke bona ngokwabo bahlulwe nebandla lasemfudusweni.
9Abuthelana eYerusalem onke amadoda akwaYuda nawakwaBhenjamin ngeentsuku ezintathu; yaye iyinyanga yesithoba, ngowamashumi amabini umhla wenyanga leyo. Bahlala bonke abantu ebaleni lendlu kaThixo, bengcangcazela yile nto, naziimvula. 10Wesuka wema uEzra umbingeleli, wathi kubo, Nenzé ubumenemene; nizeké abafazi bezinye iintlanga, ukuze nongeze etyaleni lamaSirayeli. 11Mzukiseni ngokunje uYehova, uThixo wooyihlo, nenze okukholekileyo kuye, nizahlule kwizizwe zeli lizwe, nakubafazi bezinye iintlanga.
12Laphendula lonke ibandla, lathi ngezwi elikhulu, Kufanelekile kuthi, ukuba senze ngokwelizwi lakho; 13kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi àsingowemini enye, asingoweemini ezimbini; ngokuba soné kakhulu ngale nto. 14Abathetheli bethu ke mabaliméle ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeké abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto. 15NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.
16Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto. 17Bayigqiba into yonke yamadoda abezeké abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala. 18Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya. 19Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo; 20koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya; 21koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya; 22koonyana bakaPashure yanguEliyohenayi, noMahaseya, noIshmayeli, noNataniyeli, noYozabhadi, noEliyasa; 23nakubaLevi; yanguYozabhadi, noShimehi, noKelaya okwanguKelita, noPetaya, noYuda, noEliyezere; 24kwiimvumi yanguEliyashibhi; kwabamasango yanguShalum, noTelem, noUri; kumaSirayeli: 25koonyana bakaParoshe yanguRamiya, noIziya, noMalekiya, noMiyamin, noElazare, noMalekiya, noBhenaya; 26koonyana bakaElam yanguMataniya, noZekariya, noYehiyeli, noAbhedi, noYeremoti, noEliya; 27koonyana bakaZatu yanguEliyohenayi, noEliyashibhi, noMataniya, noYeremoti, noZabhadi, noAziza; 28nakoonyana bakaBhebhayi yanguYohanan, noHananiya, noZabhadi, noAtelayi; 29koonyana bakaBhani yanguMeshulam, noMaluki, noAdaya, noYashubhi, noShehali, noYeremoti; 30koonyana bakaPahati wakwaMowabhi yanguAdena, noKelali, noBhenaya, noMahaseya, noMataniya, noBhetsaleli, noBhinwi, noManase; 31koonyana bakaHarim yanguEliyezere, noIshiya, noMalekiya, noShemaya, noSimon, 32noBhenjamin, noMaluki, noShemariya; 33koonyana bakaHashum yanguMatenayi, noMatata, noZabhadi, noElifelete, noYeremayi, noManase, noShimehi; 34koonyana bakaBhani yanguMahadayi, noAmram, noUweli, 35noBhenaya, noBhedeya, noKelwi, 36noVaniya, noMeremoti, noEliyashibhi, 37noMataniya, noMatenayi, noYahasavi, 38noBhani, noBhinwi, noShimehi, 39noShelemiya, noNatan, noAdaya, 40noMakenadebhayi, noShashayi, noSharayi, 41noAzareli, noShelemiya, noShemariya, 42noShalum, noAmariya, noYosefu; 43koonyana bakaNabho yanguYehiyeli, noMatitiya, noZabhadi, noZebhina, noYadayi, noYoweli, noBhenaya.
44Bonke abo bábezeke abafazi bezinye iintlanga. Bekukho phakathi kwabo abafazi ababezele oonyana.
Currently Selected:
UEZRA 10: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.