U‐Ezera 10
10
1Kekaloku xeshekweni ebetandazile u‐Ezera, naxeshekweni ebexele oku, elila eziwisa pantsi ngapambi kwayo indlu katixo, kwandul’ ukubutelana ngakuye ko‐Sirayeli intlanganiso enkulu kunene, amadoda, nabafazi, nabantwana: ngokuba abantu balila ngokulila okukulu. 2Waza wapendula u‐Shekaniya unyana ka‐Yehili, owonyana baka‐Helami, wati ku‐Ezera: Tina senze ngobumenemene ngakuye utixo wetu, sasizekile abafazi bezinye intlanga kubo abantu belizwe: kodwa kaloku liseko itemba ko‐Sirayeli ngalento. 3Ngako kaloku masenze ucebano notixo wetu, lwokuba kwahlukaniswe bonke abafazi abo, nabo bazelweyo ngabo, ngalo icebo lenkosi yam, nelabangcangcazelayo ngenxa yomyalelo katixo wetu; makwenziwe ke ngomteto. 4Suka wena, ngokuba ipezu kwako lento; kanjalo tina soba nawe; yomelela, wenze ke.
5Waza wesuka u‐Ezera, wafungisa inkosi zabaperisite, naba‐Levi, no‐Sirayeli bonke, ukuba baya kwenza ngalo elilizwi. Bafunga ke. 6Wandula u‐Ezera wesuka kwa pambi kwayo indlu katixo, waya enkambilini ka‐Johanane unyana ka‐Eliyashibe: wati akufika kona, akasidla isonka, akawasela amanzi; ngokuba ebelilela ubumenemene babatinjwa. 7Kwaza kwadluliswa ilizwi kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, kulo lwonke usapo lwasekutinjweni, lokuba lubutele e‐Yerusaleme; 8nokuba lowamntu osukuba engezi pakati kwemihla mitatu, njengecebo lenkosi nabadala, kwodliwa yonke impahla yake, ati yena ahlulwe entlanganisweni yabatinjwa.
9Andula abutela e‐Yerusaleme onke amadoda akwa‐Juda nawakwa‐Benjamine pakati kwemihla mitatu. Ibiyinyanga yesitoba, ngowamashumi mabini umhla wenyanga; bati bonke abantu bahlala enkundleni yendlu katixo, bengcangcazela pezu kwalonto, nangenxa yezipango zemvula. 10Wasuka wema u‐Ezera umperisite, wati kubo: Nina nenze ngobumenemene, nanizekile abafazi bezinye intlanga, kuze kwandiswe ityala lo‐Sirayeli. 11Ngako kaloku yenzani ingxelo kuyehova, utixo woyihlo benu, nenze intando yake: nize nizahlule kubo abantu belizwe, nakubo abafazi bezinye intlanga.
12Yaza yapendula yonke intlanganiso yati ngelizwi elikulu: Kufanelekile kuti ukwenza ngamazwi ako: 13kodwa abantu baninzi, lixesha lezipango zemvula, akuko amandla okuma ngapandle; kananjalo lomsebenzi asingowemini nye, asingowemini mbini: ngokuba sigqitile ngento eninzi kulento. 14Mazime inkosi zetu zentlanganiso yonke, bandul’ ukuti bonke abazekileyo abafazi bezinye intlanga ezixekweni zakowetu beze ngamaxesha amiselweyo, nakunye nabo abadala besixeko ngesixeko nabagwebi baso, kude kunqandwe kuti ubushushu bengqumbo katixo wetu ngenxa yalento. 15Ngu‐Jonatane unyana ka‐Hasaheli, no‐Yahaziya unyana ka‐Tikeva, abamela oku kwapela: kodwa u‐Meshulame, no‐Shabetai um‐Levi, babanceda. 16Lwaye lusenje njalo usapo lwasekutinjweni.
Kwaza kwahlulwa u‐Ezera umperisite, nabatile abazintloko zendlu zoyise, ngendlu zoyise zabo, bonke bebalulwe ngamagama, abahlala pantsi ngowokuqala umhla wenyanga leshumi ukuba kubuzwe lendawo. 17Bagqiba ngawo onke amadoda abebezekile abafazi bezinye intlanga ngowesinye umhla wenyanga yokuqala. 18Kwafunyanwa kubo onyana babaperisite abebezekile abafazi bezinye intlanga: kubo onyana baka‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nabazalwana bake; u‐Mahaseya, no‐Eliyezeri, no‐Yaribe, no‐Gedaliya. 19Baza banika izandla zabo ukuba bahlukane nabafazi babo; bati benetyala nje, banikela inkunzi yegusha yasemhlambini ngenxa yetyala labo. 20Nakubo onyana baka‐Yimeri; u‐Hanani, no‐Zebadiya. 21Nakubo onyana baka‐Harime; u‐Mahaseya, no‐Elija, no‐Shemaya, no‐Yehili, no‐Huziya. 22Nakubo onyana baka‐Pashure; u‐Eliwenai, u‐Mahaseya, u‐Shimayeli, u‐Netaneli, u‐Yozabadi, no‐Elehasa. 23Nakubo aba‐Levi; u‐Yozabadi, no‐Shimehi, no‐Kelaya, okwa nguye u‐Kelita, no‐Petahiya, no‐Juda, no‐Eliyezeri. 24Nakubo abaculi; u‐Eliyashibe: nakubo abalindimnyango; u‐Shalume, no‐Teleme, no‐Uri. 25Nakubo o‐Sirayeli: kubo onyana baka‐Paroshe; u‐Ramiya, no‐Yiziha, no‐Malekiya, no‐Miyamine, no‐Elezari, no‐Malekiya, no‐Benaya. 26Nakubo onyana baka‐Helami; u‐Mataniya, u‐Zekariya, u‐Yehili, no‐Habedi, no‐Jeremote, no‐Elija. 27Nakubo onyana baka‐Zatu; u‐Eliwenai, u‐Eliyashibe, u‐Mataniya, u‐Jeremote, no‐Zabadi, no‐Haziza. 28Nakubo onyana baka‐Bebai; u‐Jehohanane, u‐Hananiya, u‐Zabai, no‐Hatelai. 29Yakubo onyana baka‐Bani; u‐Meshulame, u‐Maluke, no‐Hadaya, u‐Yashube, no‐Shali, no‐Ramote. 30Nakubo onyana baka‐Pahati‐mowabi; u‐Hadena, no‐Kelali, u‐Benaya, u‐Mahaseya, u‐Mataniya, u‐Betsalele, no‐Binuwi, no‐Manase. 31Nakubo onyana baka‐Harime; u‐Eliyezeri, u‐Yishiya, u‐Malekiya, u‐Shemaya, u‐Simone, 32u‐Benjamine, u‐Maluke, no‐Shemariya. 33Nakubo onyana baka‐Hashume: u‐Matenai, u‐Matata, u‐Zabadi, u‐Elifelete, u‐Yeremai, u‐Manase, no‐Shimehi. 34Nakubo onyana baka‐Bani; u‐Mahadai, u‐Hamerame, no‐Weli, 35u‐Benaya, u‐Bedeya, u‐Keluhi, 36u‐Vaniya, u‐Meremote, u‐Eliyashibe, 37u‐Mataniya, u‐Matenai, no‐Yahasau, 38no‐Bani, no‐Binuwi, u‐Shimehi, 39no‐Shelemiya, no‐Natane, no‐Hadaya, 40u‐Makenadebai, u‐Shashai, u‐Sharai, 41u‐Hazareli, no‐Shelemiya, u‐Shemariya, 42u‐Shalume, u‐Amariya, no‐Josefe. 43Nakubo onyana baka‐Nebo; u‐Yeyeli, u‐Matitiya, u‐Zabadi, u‐Zebina, u‐Yadau, no‐Joweli, no‐Benaya. 44Aba bonke bebezekile abafazi bezinye intlanga: kwaye kuko pakati kwabo abanabafazi abebezalelwe abantwana ngabo.
Ekhethiweyo ngoku:
U‐Ezera 10: XHO1902A
Qaqambisa
Yabelana
Kopa

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.