UHEZEKILE 6:9
UHEZEKILE 6:9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruqùke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.
UHEZEKILE 6:9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke abo bathe bengabathinjwa basinda, baya kukukhumbula ukukhathazeka kwam ngenxa yokungathembeki kwabo, ngokundinikela umva, benqwenela izithixo zabo. Baya kuzizonda ngenxa yobugwenxa babo nangawo onke amanyundululu abo.
UHEZEKILE 6:9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Abo basindileyo kuwe baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abaya kuthinjelwa kuzo, ngenxa yokuba ndaphukile ngenxa yeentliziyo zabo zoonongogo abandishiyileyo, nangenxa yamehlo abo alandela izithixo zabo baqubuda baqubuda; babulewe ngenxa yobubi ababenzileyo ngamasikizi abo onke.
UHEZEKILE 6:9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo abasindileyo benu baya kundikumbula pakati kwezizwe, apo baya kutinjelwa kona, nxa ndiyiqekeza intliziyo yabo eṙexezayo, epambukileyo kum, namehlo abo aṙexezelayo emva kwezitixwana zabo; babeya kuzidela ngokwabo ngenxa yezikohlakalo abazenzileyo ngazo zonke izinto zabo ezibuntshontsho.