U‐Hezekile 6
6
1LAZA ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! beka ubuso bako ngasezintabeni zakwa‐Sirayeli, uprofiteshe ngakuzo, 3uti:
Nina zintaba zakwa‐Sirayeli! yivani ilizwi lenkosi likayehova; itsho inkosi e nguyehova, kuzo intaba nakuzo induli, kuzo intili nakuzo izihlambo, ukuti: Bona ke, mna ndiza kuzisa iṙele pezu kwenu, ndandiya kutshabalalisa indawo zenu ezipakamileyo. 4Kanjalo izibingelo zenu zotiwa tshabalala, nezifanekiselo zelanga zenu ziya kuqekezwa; nababuleweyo benu ndobawisa pantsi pambi kwezitixwana zenu. 5Ndandiya kubeka izidumbu zosapo luka‐Sirayeli ebusweni bezitixwana zalo; namatambo enu ndowacita ngento engqongayo izibingelo zenu. 6Kuzo zonke indawo zokuhlala kwenu, izixeko ziya kucitakaliswa, nendawo ezipakamileyo zotiwa tshabalala; ukuze izibingelo zenu zicitakaliswe zitiwe tshabalala, nezitixwana zenu ziqekezwe, zipele, nezifanekiselo zelanga zenu zigaulwe, nemisebenzi yenu ibujiswe. 7Baye ababuleweyo beya kuwa pakati kwenu; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova. 8Ndiya kusalisa isisalela noko, ekubeni niya kuba nabasindileyo eṙeleni pakati kwezizwe, nxa nitiwe sa emazweni. 9Kanjalo abasindileyo benu baya kundikumbula pakati kwezizwe, apo baya kutinjelwa kona, nxa ndiyiqekeza intliziyo yabo eṙexezayo, epambukileyo kum, namehlo abo aṙexezelayo emva kwezitixwana zabo; babeya kuzidela ngokwabo ngenxa yezikohlakalo abazenzileyo ngazo zonke izinto zabo ezibuntshontsho. 10Babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova: andifumane ndateta ukuti ndiya kubenzela ilishwa eli. 11Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Beta ngesandla sako, ungqishe ngonyawo lwako, uti: Au! ngenxa yazo zonke intshontsho ezikohlakeleyo zendlu ka‐Sirayeli; ngokuba beya kuwa ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo. 12Lowo ukude wofa ngesifo esibubisayo; nalowo ukufupi wowa ngesiṙele; nalowo useleyo, ovingcelweyo, uya kufa ngendlala; kwa njalo ndiya kugqiba umsindo wam pezu kwabo. 13Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ababuleweyo babo baya kuba pakati kwezitixwana zabo, ngokungqonga izibingelo zazo, pezu kwazo zonke induli ezinde, kuzo zonke intloko zentaba, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza, nangapantsi kwayo yonke imikoba ebungqingqwa, indawo apo babenikela kona ivumba elimnandi kuzo zonke izitixwana zabo. 14Ndandiya kwolula isandla sam pezu kwabo, ndilenze ilizwe libe yingcitakalo nentshabalalo ngapezu kwentlango ngase‐Dibela, kuzo zonke indawo zokuhlala kwabo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Currently Selected:
U‐Hezekile 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.