IEKSODUS 24:3-8
IEKSODUS 24:3-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza. Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wákha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova. UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni. Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive. Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nâlo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.

IEKSODUS 24:3-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
UMosis ke wawugqithisela ebantwini loo mlomo kaNdikhoyo, ngokunjalo nemiyalelo. Ke amaSirayeli atsho ngazwi-nye athi: “Konke akuthethileyo uNdikhoyo siya kukwenza.” UMosis wayibhala yonke imiyalelo kaNdikhoyo. Kusasa ngengomso wakha iqonga lamadini emazantsi entaba, waza wamisa ishumi elinambini leentsika zamatye ngokwezindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli. Kamva ke wathuma abafana, baya kwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo, babingelela ngeenkomo, benza amadini obudlelwana. UMosis wathatha isiqingatha segazi elo, waligalela ezityeni, waza isiqingatha wasifefa eqongeni lamadini. Ngoku ke wathatha umqulu ekubhalwe kuwo imiqathango yomnqophiso kaNdikhoyo, wafundela amaSirayeli. Ke wona aphendula athi: “Siya kumthobela uNdikhoyo, sikwenze konke asiyalele kona.” Ke kaloku uMosis wathatha elaa gazi lalisesityeni, wafefa ngalo abantu, esithi: “Eli gazi litywina umnqophiso awenze nani uNdikhoyo mhla waninika le miyalelo.”
IEKSODUS 24:3-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, nemithetho yakhe yonke; baphendula abantu ngazwi-nye, bathi, Siya kuwenza onke amazwi awathethileyo uYehova. Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wagqiba kusasa, wakha isibingelelo phantsi kwentaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. Wathuma abafana bakoonyana bakaSirayeli, ukuba baye kubingelela kuYehova amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yombulelo ngeenkomo. Wathabatha uMoses isiqingatha segazi, waligalela ezindebeni; nesiqingatha segazi ufefe esibingelelweni. Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa phambi kwabantu, bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive. Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Ligazi eli lomnqophiso awawenzayo uYehova nani ngenxa yala mazwi onke.
IEKSODUS 24:3-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Weza u‐Mosesi wabalisela abantu onke amazwi KAYEHOVA, nazo zonke izigwebo: baza bapendula bonke abantu ngelizwi linye, bati: Onke amazwi awatetileyo UYEHOVA siya kuwenza. Waye u‐Mosesi waoa̔la onke amazwi KAYEHOVA, wavuka kwa kusasa, waka isibingelo ezantsi kwentaba, neshumi elinambini lentsika zamatye, njengezilishumi linazibini izizwe zo‐Sirayeli. Watuma amadodana aselusatsheni luka‐Sirayeli, awanikelayo amadini okutshiswa, abingela UYEHOVA nemibingo yoxolo ngenkatyana. Waza u‐Mosesi watabata esinye isiqingata segazi, walibeka ezityeni; nesinye isiqingata segazi, walitshiza pezu kwesibingelo. Watabata nencwadi yocebano, walesesha ezindlebeni zabantu; abati: Konke akutetileyo UYEHOVA siya kukwenza, sive nokuva. Waza u‐Mosesi watabata igazi elo, walitshiza pezu kwabantu, wati: Nali igazi locebano UYEHOVA alwenzileyo nani ngawo onke lamazwi.