I‐Kesodusi 24:3-8

I‐Kesodusi 24:3-8 XHO1902A

Weza u‐Mosesi wabalisela abantu onke amazwi KAYEHOVA, nazo zonke izigwebo: baza bapendula bonke abantu ngelizwi linye, bati: Onke amazwi awatetileyo UYEHOVA siya kuwenza. Waye u‐Mosesi waoa̔la onke amazwi KAYEHOVA, wavuka kwa kusasa, waka isibingelo ezantsi kwentaba, neshumi elinambini lentsika zamatye, njengezilishumi linazibini izizwe zo‐Sirayeli. Watuma amadodana aselusatsheni luka‐Sirayeli, awanikelayo amadini okutshiswa, abingela UYEHOVA nemibingo yoxolo ngenkatyana. Waza u‐Mosesi watabata esinye isiqingata segazi, walibeka ezityeni; nesinye isiqingata segazi, walitshiza pezu kwesibingelo. Watabata nencwadi yocebano, walesesha ezindlebeni zabantu; abati: Konke akutetileyo UYEHOVA siya kukwenza, sive nokuva. Waza u‐Mosesi watabata igazi elo, walitshiza pezu kwabantu, wati: Nali igazi locebano UYEHOVA alwenzileyo nani ngawo onke lamazwi.

I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu