Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, nemithetho yakhe yonke; baphendula abantu ngazwi-nye, bathi, Siya kuwenza onke amazwi awathethileyo uYehova. Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wagqiba kusasa, wakha isibingelelo phantsi kwentaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. Wathuma abafana bakoonyana bakaSirayeli, ukuba baye kubingelela kuYehova amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yombulelo ngeenkomo. Wathabatha uMoses isiqingatha segazi, waligalela ezindebeni; nesiqingatha segazi ufefe esibingelelweni. Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa phambi kwabantu, bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive. Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Ligazi eli lomnqophiso awawenzayo uYehova nani ngenxa yala mazwi onke.
Funda iEksodus 24
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: iEksodus 24:3-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo