UESTERE 6:8-10
UESTERE 6:8-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
mabazise isambatho sobukumkani, ambatha sona ukumkani, nehashe akhwela kulo ukumkani, lubekwe entlokweni yayo unkontsho lobukumkani; basinikele isambatho eso nehashe elo esandleni somthetheli wakumawaba okumkani, bayambathise indoda leyo athanda ukuyibeka embekweni ukumkani, bayikhwelise ehasheni elo, icande ezitratweni zomzi, badanduluke phambi kwayo, bathi, Kwenjiwa nje, kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani. Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
UESTERE 6:8-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
makanxitywe umnweba wobukhosi owakhe wanxitywa ngukumkani, aze akhweliswe ihashe elisetyenziswa ngukumkani, elo lihonjisiweyo lada labekwa imbasa yakomkhulu entloko. Ke umnweba lowo nehashe elo malinikwe elinye lawona matshawe kakumkani aphambili. Mabamfake loo mnweba ke umntu afuna ukumwonga ukumkani, baze bamkhwelise kwelo hashe, bamkhokele ahamba-hambe kwizitalato zesixeko, bona bahambe bekhwaza besithi: ‘Nantsi ke into ayenzelwayo umntu athanda ukumwonga ukumkani!’ ” Ukumkani ke wathi kuHaman: “Khawuleza uthathe umnweba lowo kunye nehashe elo, wenze ngaloo ndlela kuModekayi umJuda ohlala esangweni likakumkani. Uze ukwenze konke oko ukuthethileyo, ungashiyi nento le.”
UESTERE 6:8-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Maziziswe ingubo yokwaleka yokumkani, nehashe akhwele kulo ukumkani, nesithsaba sobukumkani esithiwe wambu entlokweni yakhe; Esi sambatho nehashe masinikelwe esandleni somnye wezikhulu zokumkani ezibekekileyo, ukuba ambambe lowo athanda ukumbeka ukumkani, akhwele ehashini endaweni yembutho yesixeko wadanduluka phambi kwakhe. Kuya kwenziwa ngokwendoda ukumkani afuna ukuhlonelwa. Wathi ukumkani kuHaman, Khawuleza, uthabathe ingubo leyo nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli emnyango wokumkani; Makungabikho siphazamiso kuyo yonke into oyithethileyo.
UESTERE 6:8-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
makuyiziselwe isivato sobukumkani avata ngaso ukumkani, nehashe akwela ukumkani pezu kwalo; nesitsaba sobukumkani masibekwe entloko yayo: kuze kunikwe esosivato nelohashe esandleni senye kuzo inkosi ezinkulu zokumkani, kuvatiswe indoda leyo ukumkani ayitandayo imbeko yayo, kwenzwe ukuba ikwele pezu kwehashe ihambe esitarateni sesixeko, kudandulukwe pambi kwayo ngokuti: Kuya kwenjwa njalo kwindoda leyo ukumkani ayitandayo imbeko yayo. Waza ukumkani wati ku‐Hamani: Nxama, utabate isivato eso nehashe elo, njengokuba utshilo, uze wenje njalo ku‐Modekai um‐Juda, ohleliyo esangweni lokumkani: mayingatshitshi nanye into kuko konke ukutetileyo.