makanxitywe umnweba wobukhosi owakhe wanxitywa ngukumkani, aze akhweliswe ihashe elisetyenziswa ngukumkani, elo lihonjisiweyo lada labekwa imbasa yakomkhulu entloko. Ke umnweba lowo nehashe elo malinikwe elinye lawona matshawe kakumkani aphambili. Mabamfake loo mnweba ke umntu afuna ukumwonga ukumkani, baze bamkhwelise kwelo hashe, bamkhokele ahamba-hambe kwizitalato zesixeko, bona bahambe bekhwaza besithi: ‘Nantsi ke into ayenzelwayo umntu athanda ukumwonga ukumkani!’ ” Ukumkani ke wathi kuHaman: “Khawuleza uthathe umnweba lowo kunye nehashe elo, wenze ngaloo ndlela kuModekayi umJuda ohlala esangweni likakumkani. Uze ukwenze konke oko ukuthethileyo, ungashiyi nento le.”
Funda UESTERE 6
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UESTERE 6:8-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo