KWABASE-EFESE 2:1-10
KWABASE-EFESE 2:1-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso nazizono; enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo. Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu, awasithanda ngalo, thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswé ngokubabalwa), wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu; ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu. Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. Kuba thina singumsebenzi wakhe, sídalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
KWABASE-EFESE 2:1-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Benifudula nifile emoyeni ngenxa yeemposiso nokona, ngokuya naniziphethe ngendlela yeli hlabathi. Naniphantsi komtyholi, umphathi wamagunya asesibhakabhakeni noweempembelelo ezilawula abo bangamthobeliyo uThixo. Eneneni besinjalo sonke; besifudula silawulwa ziinkanuko zesimo sethu esidala, silandela nayiphi na iminqweno neengcinga zethu. Njengamntu wonke ke okuloo meko besiphantsi kwengqumbo kaThixo. Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo. Njengoko simanyene noKrestu Yesu nje, uThixo usivuse ekufeni, saza saya kutsho ezulwini kunye noYesu. Wênjenjalo ukuze ngamaxesha onke ahlale esibonisa ubukhulu besisa nobubele bakhe, thina bamanywe noYesu Krestu. Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje. Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
KWABASE-EFESE 2:1-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono; enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; Esathi sonke phakathi kwethu sasifudula sihamba ngokweenkanuko zenyama yethu, sifeza iinkanuko zenyama nezengqondo; kwaye ngemvelo sasingabantwana bengqumbo, njengabanye. Ke yena uThixo, esisityebi ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu awasithanda ngalo. Nakuba besifile zizono, usidlise ubomi ndawonye noKristu, nisindiswe ngokubabalwa. Wasivusa naye ndawonye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu; ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu. Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko akuphumi kuni, kusisipho sikaThixo; Akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. Kuba thina singumsebenzi wakhe kuKristu Yesu, sidalelwe imisebenzi emihle, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
KWABASE-EFESE 2:1-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NANI nifile nje ngeziposo nangezono, — enibe nifudula nihamba kuzo ngokwesiko lelizwe eli, ngokwompati wobukosi basesibakabakeni, womoya osebenzayo kaloku elusatsheni lwokungeva; esasite kwa tina sonke safudula sinokuhlala kwetu pakati kwalo ezinkanukweni zenyama yetu, sisenza inqweno zenyama nezenkumbulo, saye sibe singabantwana bomsindo ngemvelo, kwa njengabo nabanye: kodwa UTIXO, etyebile etaṙwini nje, ngenxa yotando lwake olukulu owasitanda ngalo, kwa okuya sibe sifile ngeziposo zetu, wasipilisa kunye no‐Kristu, (nisindiswe lufefe,) wasivusa kunye naye, wasihlalisa kunye naye kwezasezulwini indawo, ku‐Kristu Yesu; ukuze ati emaxesheni azayo abonakalise ubutyebi obudluliseleyo bofefe lwake ebubeleni ngakuti ku‐Kristu Yesu. Ngokuba nisindiswe lufefe ngalo ukolo; kungaveli nje oku ngokwenu, kusisipo SIKATIXO; kungengemisebenzi, ukuze kungaqa̔yiswa mntu: ngokuba sisisenzwa sake, sidalelwe imisebenzi elungileyo ku‐Kristu Yesu, eyabilungiselelwa pambili NGUTIXO, ukuze sihambe kuyo.