Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono; enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo; Esathi sonke phakathi kwethu sasifudula sihamba ngokweenkanuko zenyama yethu, sifeza iinkanuko zenyama nezengqondo; kwaye ngemvelo sasingabantwana bengqumbo, njengabanye. Ke yena uThixo, esisityebi ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu awasithanda ngalo. Nakuba besifile zizono, usidlise ubomi ndawonye noKristu, nisindiswe ngokubabalwa. Wasivusa naye ndawonye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu; ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu. Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko akuphumi kuni, kusisipho sikaThixo; Akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo. Kuba thina singumsebenzi wakhe kuKristu Yesu, sidalelwe imisebenzi emihle, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
Funda Kwabase-Efese 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Kwabase-Efese 2:1-10
12 Days
Everyone wants to know what true love is. But few people look at what the Bible says about love. Love is one of the central themes of Scripture and the most essential virtue of the Christian life. This plan from Thistlebend Ministries explores the biblical meaning of love and how to love God better and love others.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo