Benifudula nifile emoyeni ngenxa yeemposiso nokona, ngokuya naniziphethe ngendlela yeli hlabathi. Naniphantsi komtyholi, umphathi wamagunya asesibhakabhakeni noweempembelelo ezilawula abo bangamthobeliyo uThixo. Eneneni besinjalo sonke; besifudula silawulwa ziinkanuko zesimo sethu esidala, silandela nayiphi na iminqweno neengcinga zethu. Njengamntu wonke ke okuloo meko besiphantsi kwengqumbo kaThixo. Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo. Njengoko simanyene noKrestu Yesu nje, uThixo usivuse ekufeni, saza saya kutsho ezulwini kunye noYesu. Wênjenjalo ukuze ngamaxesha onke ahlale esibonisa ubukhulu besisa nobubele bakhe, thina bamanywe noYesu Krestu. Ke kaloku nakhululwa ngesisa sikaThixo ngokholo; anikhululwanga ngemizamo yenu. Ewe, kungenxa yesisa sikaThixo. Ngoko ke akukho nto ubani angaziqhayisa ngayo, kungekho migudu yakhe nje. Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.
Funda KWABASE-EFESE 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KWABASE-EFESE 2:1-10
12 Days
Everyone wants to know what true love is. But few people look at what the Bible says about love. Love is one of the central themes of Scripture and the most essential virtue of the Christian life. This plan from Thistlebend Ministries explores the biblical meaning of love and how to love God better and love others.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo