IDUTERONOMI 7:1-6
IDUTERONOMI 7:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe oya kulo ukuba ulihluthe, wagqogqa iintlanga ezininzi phambi kwakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHeti, namaYebhusi; zisixhenxe iintlanga mkhulu nowomeleleyo kunawe; Xa uYehova uThixo wakho wazinikela kuwe; boyise, baqalekise; Uze ungamanyanisi nabo, ungabi nanceba kubo; Uze ungabatshabhi nabo; intombi yakho uze ungayiniki unyana wakhe, nentombi yakhe ungayizeki kunyana wakho. Kuba yomtyekisa unyana wakho kum, akhonze thixo bambi; uya kuvutha umsindo kaYehova kuni, anitshabalalise ngoko nangoko. Yenjenje ke ukwenza kubo; zidilizeni izibingelelo zazo, nizidilize izimiso zazo, nibagawule izibonda zemithi yabo engcwele, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo. Ngokuba uluhlanga olungcwele kuYehova uThixo wakho; uYehova uThixo wakho uninyule ukuba nibe ngabantu bakhe abakhethekileyo ngaphezu kwezizwe zonke zehlabathi.
IDUTERONOMI 7:1-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulimé, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe, wazinikela kuwe uYehova uThixo wakho: uze uzixabele, uzisingele phantsi kuphele; ungenzi mnqophiso nazo, ungazisizeli. Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho; kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya. Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera• bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo. Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; úninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.
IDUTERONOMI 7:1-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
“*UNdikhoyo uThixo wenu uza kuningenisa kwelo lizwe niya kuma kulo. Uza kugxotha izizwe ezininzi kulo; ewe, yoba sisixhenxe sonke sezizwe ezikhulu nezinamandla kunani. Nazi ke: amaHeti, amaGirgashi, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ke akuba uNdikhoyo uThixo wenu ezinikele kuni ezi zizwe nazoyisa, kufuneka nizitshabalalise ziphele nya. Ningaze nenze mvumelwano kunye nazo, futhi ze ningabi nanceba tu kuzo. Ningaze nendiselane nazo, kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko. Ngoko ke ze nenjenje kuzo: wadilizeni amaqonga azo, iintsika zazo zamatye niziqhekeze zibe ziingceba, ke yona imifanekiso yesithixokazi sazo uAshera ze niyinqunqe, ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo noyitshisa ngomlilo. Le nto ke noyenza kuba kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu. Kaloku kuzo zonke izizwe zehlabathi uNdikhoyo uThixo wenu uninyulele ukuze nibe ngabantu abalibango lakhe elilodwa.
IDUTERONOMI 7:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe oya kulo ukuba ulihluthe, wagqogqa iintlanga ezininzi phambi kwakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHeti, namaYebhusi; zisixhenxe iintlanga mkhulu nowomeleleyo kunawe; Xa uYehova uThixo wakho wazinikela kuwe; boyise, baqalekise; Uze ungamanyanisi nabo, ungabi nanceba kubo; Uze ungabatshabhi nabo; intombi yakho uze ungayiniki unyana wakhe, nentombi yakhe ungayizeki kunyana wakho. Kuba yomtyekisa unyana wakho kum, akhonze thixo bambi; uya kuvutha umsindo kaYehova kuni, anitshabalalise ngoko nangoko. Yenjenje ke ukwenza kubo; zidilizeni izibingelelo zazo, nizidilize izimiso zazo, nibagawule izibonda zemithi yabo engcwele, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo. Ngokuba uluhlanga olungcwele kuYehova uThixo wakho; uYehova uThixo wakho uninyule ukuba nibe ngabantu bakhe abakhethekileyo ngaphezu kwezizwe zonke zehlabathi.
IDUTERONOMI 7:1-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
XESHIKWENI UYEHOVA, UTIXO wako, akungenisile kwelozwe apo uya kona ukulifuya; naxeshikweni agxotileyo intlanga ezininzi pambi kwako, ama‐Hete, nama‐Giregashe, naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, intlanga zisixe̔nxe ezizezikulu nezinamandla ngapezu kwako; naxeshikweni UYEHOVA, UTIXO wako, azinikileyo ebusweni bako, ukuba uzibete: uya kugqibela ukuzilahlela ekutshatyalalisweni; akuyi kulwenza nazo ucebano, akuyi kuzipata ngofefe. Kanjako akuyi kutshatiselana nazo; intombi zako akuyi kuzendisa konyana bazo, nentombi zazo akuyi kuzitabatela onyana bako: ngokuba ziya kupambukisa onyana bako kum, ukuba bakonze otixo bambi; ize ivute ingqumbo KAYEHOVA ngakuni, ikutshabalalise kamsinya. Kungokunje eniya kwenza kuzo: izibingelo zazo niya kuzicita, nezifanekiso ezimiyo zazo niya kuziqekeza, ne‐Ashera zazo niya kuzigaula, nemifanekiso eqingqiweyo yazo niya kuyitshisa ngomlilo. Ngokuba ningabantu abangcwele nina KUYEHOVA, UTIXO wenu: nina uniqashile UYEHOVA, UTIXO wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.